UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isahluko 14

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isahluko 14: Gabalala

Umthetho Wamazwe Ngamazwe

231. Izivumelwano zamazwe ngamazwe
1. Ukuthetha-thethana ngezivumelwano zamazwe ngamazwe nokutyikitywa kwazo ngumsebenzi karhulumente wezwelonke.
Isivumelwano samazwe ngamazwe siyinkqamangela iRiphablikhi kuphela emva kokuba sivunywe ngesigqibo kokubini kwiNdlu yoWiso-mthetho nakwiBhunga lamaPhondo leZwelonke, ngaphandle kokuba sisivumelwano ekuthethwe ngaso kwisiqendwana (3).
2. Isivumelwano samazwe ngamazwe esiluhlobo lobuchwepheshe okanye esolawulo, okanye isivumelwano esingafunisi ukuba sivunywe, ekungenwe kuso ngurhulumente wezwelonke, siyinkqamangela iRiphablikhi ngaphandle kokuvunywa yiNdlu yoWiso-mthetho naliBhunga lamaPhondo leZwelonke, kodwa masithiwe thaca kwiNdlu nakwiBhunga kungadanga kwaba lixesha elide.
3. Nasiphi na isivumelwano samazwe ngamazwe siba ngumthetho kwiRiphablikhi xa sithe senziwa umthetho yindlu yowiso-mthetho yezwelonke; kodwa inxalenye yesivumelwano eziphumeza ngokwayo eye yavunywa yiPalamente ingumthetho kwiRiphablikhi ngaphandle kokuba ayivisisani noMgaqo-siseko okanye ayivisisani noMthetho wePalamente.
4. IRiphablikhi iyankqanyangelwa zizivumelwano zamazwe ngamazwe ezaziyinkqamangela iRiphablikhi xa lo Mgaqo-siseko wawuqalisa ukusebenza.

232. Umthetho wamazwe ngamazwe oqhelekileyo
Umthetho wamazwe ngamazwe oqhelekileyo ungumthetho kwiRiphablikhi ngaphandle kokuba awuvisisani noMgaqo-siseko okanye awuvisisani noMthetho wePalamente.

233. Ukusetyenziswa komthetho wamazwe ngamazwe
Xa zichaza intsingiselo yawo nawuphi na umthetho wepalamente, zonke iinkundla mazikhethe indlela yokuchaza intsingiselo ebhadlileyo evisisana nomthetho wamazwe ngamazwe endaweni yendlela yokuchaza intsingiselo engavisisaniyo nomthetho wamazwe ngamazwe.

Eminye imicimbi

234. Amaxwebhu-siseko amalungelo
Ukuze yendele inkqubo yentando yesininzi esekwe nguMgaqo-siseko, iPalamente isenokwamkela amaXwebhu-siseko amaLungelo avisisana nokutshiwo kuMgaqo-siseko.

235. Ukuzenzel’ izigqibo
Ilungelo labantu baseMzantsi-Afrika xa bebonke lokuzenzel’izigqibo, njengoko libonakaliswe kulo Mgaqo-siseko, alikuthinteli, kodwa ngokulawulwa yimida yeli lungelo, ukwamkelwa kwengcamango yelungelo lokuzenzel’izigqibo kwalo naliphi na iqela loluntu elinelifa elifanayo lenkcubeko nolwimi, kumhlaba othile kwiRiphablikhi okanye ngenye indlela, egqitywe ngumthetho wepalamente wezwelonke.

236. Ukuxhaswa ngemali kwamaqela opolitiko
Ngenjongo yokukhuthaza intando yesininzi yamaqela amaninzi, umthetho wepalamente wezwelonke mawuvumele ukuxhaswa ngemali kwamaqela opolitiko anenxaxheba kwizindlu zowiso-mthetho, eyezwelonke nakwezamaphondo, exhaswa ngokungakhalazisiyo nangokobungakanani bawo.

237. Ukufezwa kweembopheleleko ngenkuthalo
Zonke iimbopheleleko ezingokoMgaqo-siseko mazenziwe ngenkuthalo nangaphandle kokulibazisa.

238. Ukuphathisa
1. Icandelo likarhulumente elingurhulumente nakuliphi na inqwanqwa likarhulumente–
a. linokuphathisa ngalo naliphi na igunya okanye umsebenzi, ekuligunya elinokusetyenziswa okanye okungumsebenzi onokwenziwa ngokomthetho wepalamente, liliphathise naliphi na elinye icandelo likarhulumente elingurhulumente, kodwa ke kuxhomekeke ekubeni ukuphathisa oko kuyavisisana kusini na nomthetho wepalamente elisetyenziswa ngawo igunya elo okanye owenziwa ngawo umsebenzi lowo; okanye
b. linokusebenzisa naliphi na igunya okanye lenze nawuphi na umsebenzi liwenzela elinye icandelo likarhulumente elingurhulumente, likwenza oko ngokuphathiswa.

239. Ukuchazwa kwamagama
1. KuMgaqo-siseko, ngaphandle kokuba okunye okubhaliweyo kuwo kubonisa ngenye indlela–
“umthetho wepalamente wezwelonke” uquka—
a. umthetho wepalamente ozalwa ngomnye owenziwe ngokoMthetho wePalamente;
b. nomthetho wepalamente owawusebenza xa lo Mgaqo-siseko wawuqalisa ukusebenza, ube loo mthetho wepalamente uphantsi kukarhulumente wezwelonke;
“icandelo likarhulumente”—
a. lilo naliphi na isebe likarhulumente okanye iziko lolawulo kwinqwanqwa likarhulumente lezwelonke, kwinqwanqwa lamaphondo okanye kwinqwanqwa loorhulumente basekuhlaleni; okanye
b. naliphi na elinye igosa okanye iziko—
i. elisebenzisa igunya okanye elenza umsebenzi ngokoMgaqo-siseko okanye ngokomgaqo-siseko wephondo; okanye
ii. elisebenzisa igunya laseburhulumenteni okanye elenza umsebenzi waseburhulumenteni ngokwawo nawuphi na umthetho wepalamente, kodwa aliquki inkundla okanye umchopheli-matyala;
“umthetho wepalamente wephondo” uquka—
a. umthetho wepalamente ozalwa ngomnye owenziwe ngokoMthetho wephondo;
b. nomthetho wepalamente owawusebenza xa lo Mgaqo-siseko wawuqalisa ukusebenza, ube uphantsi kolawulo lukarhulumente wephondo.

240. Xa kukho ukungafani kokubhaliweyo
Xa kunokuthi kubekho ukungafani kokubhaliweyo kuMgaqo-siseko, okubhalwe kwisiNgesi kuko okuya kwamkeleka.

241. Amalungiselelo exesha lotshintsho
ISihlomelo 6 sisebenza kutshintsho lokuwelela kwinkqubo entsha yoMgaqo-siseko esekwe sesi siqendu, sikwasebenza nakuwo nawuphi na umcimbi onento yokwenza nolo tshintsho.

242. Ukutshitshiswa kwemithetho
Imithetho ekhankanywe kwiSihlomelo 7 iyatshitshiswa, ngokulawulwa sisiqendu 243 nasiSihlomelo 6.

243. Igama lawo elifutshane nokuqalisa kwawo ukusebenza
1. Lo Mthetho ubizwa ngokuba nguMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ka-1996, kwaye uqalisa ukusebenza msinya kangangoko kunokwenzeka ngomhla ogqitywe nguMongameli ngokwenza isihlokomiso, mhla lowo ongenakuba ngaphaya kowoku-1 kuJulayi 1997.
2. UMongameli usenokubeka imihla eyahlukahlukeneyo ngaphambi komhla okhankaywe kwisiqendwana (1) ekwenzela oko iinxalenye ezahlukeneyo zoMgaqo- siseko.
3. Ngaphandle kokuba okunye okubhaliweyo kubonisa ngenye indlela, xa inxalenye ethile yoMgaqo-siseko ithetha ngexesha owathi uMgaqo-siseko waqalisa ngalo ukusebenza, oko makuqondwe njengokubhekisela kwixesha eyathi loo nxalenye yaqalisa ngalo ukusebenza.
4. Ukuba inxalenye ethile yoMgaqo-siseko ibekelwe umhla othile ngokwesiqendwana (2), nayiphi na inxalenye ehambisana naleyo yoMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ka-1993 (uMthetho 200 ka-1993), ekhankanywe kwisihlokomiso, itshitshiswa ukususela kwakuloo mhla.
5. Isiqendu 213, 214, 215, 216, 218, 226, 227, 228, 229 nesama-230 ziqalisa ukusebenza ngomhla woku-1 kuJanuwari 1998, kodwa oku akukuthinteli ukuwiswa komthetho wepalamente, ngokwalo Mgaqo-siseko, okungumthetho wepalamente ekuthethwa ngawo kuyo nayiphi na kwezi nxalenye ngaphambi kwaloo mhla. Kude kube nguloo mhla, naziphi na iinxalenye zoMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi- Afrika ka-1993, ezihambisana nezinye zihlala zisebenza.