UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isahluko 13

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isahluko 13: Iimali

Imicimbi Yeemali Gabalala

213. Ingxowa-mali yeNgeniso yeZwelonke
1. Kukho iNgxowa-mali yeNgeniso yeZwelonke emayifakwe kuyo yonke imali efunyenwe ngurhulumente wezwelonke, ngaphandle kwemali engenakufakwa ngesizathu esivakalayo ngokoMthetho wePalamente.
2. Imali inokutsalwa kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeZwelonke kuphela–
a. ngokolwabiwo-mali loMthetho wePalamente; okanye
b. xa itsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeZwelonke, xa kusitsho uMgaqo- siseko okanye kuMthetho wePalamente.
3. Isabelo esifanelekileyo sephondo sengeniso ezuzwe elizweni lonke siyimali etsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yeZwelonke.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 213: 1 Januwari 1998.]

214. Izabelo ezifanelekileyo nokwabiwa kwengeniso
1. UMthetho wePalamente mawuthethe–
a. ngokwahlulwa-hlulwa okulinganayo kwengeniso ezuzwe elizweni lonke isahlulelwa urhulumente wezwelonke, noorhulumente bamaphondo, noorhulumente basekuhlaleni;
b. ngokuqingqwa kwesabelo esifanelekileyo sephondo ngalinye kuloo ngeniso;
c. nangokwabelwa kumaphondo, koorhulumente basekuhlaleni okanye koomasipala kwesabelo sikarhulumente wezwelonke kuloo ngeniso, kwakunye nemiqathango oko kwabiwa okunokwenziwa phantsi kwayo.
2. UMthetho ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) unokuwiswa kuphela emva kokuba kuboniswene noorhulumente bamaphondo, norhulumente wasekuhlaleni ocwangcisiweyo kunye neKomishoni yeeMali neeRhafu, zaza zaqwalaselwa izinto ezinconyelwa yiKomishoni, kwaye makucingelwe–
a. okuya kuba luncedo elizweni lonke;
b. naliphi na ilungiselelo emalenziwe mayela netyala nelizwe nezinye iimbopheleleko zelizwe;
c. iimfuno nemicimbi yorhulumente wezwelonke, egqitywa ngokweemfuneko ezinokubonelela;
d. imfuneko yokuqinisekisa ukuba amaphondo noomasipala ayakwazi ukunika uluntu iinkonzo ezisisiseko aze enze imisebenzi ayabelweyo;
e. ukukwazi ukuhlawula iirhafu nokusebenza ngokutyibilikayo kwamaphondo noomasipala;
f. iimfuno zophuhliso nezinye iimfuno zamaphondo, zoorhulumente basekuhlaleni noomasipala;
g. ukungalingani ngokoqoqosho ngaphakathi kumaphondo naphakathi kwelinye iphondo nelinye;
h. iimbopheleleko anazo amaphondo noomasipala ngokomthetho wepalamente wezwelonke;
i. ukunqweneleka kokwabiwa kwezabelo zengeniso okuzinzileyo nokubonakala kusengaphambili; kunye
j. nemfuneko yokuba bhetyebhetye ekusabeleni kwiimeko zequbuliso okanye ezinye iimfuno zexeshana nezinye izinto ezisekelwe kwiimfuneko ezifanayo ezinokubonelela.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 214: 1 Januwari 1998.]

215. Ulwabiwo-mali lwezwelonke, olwamaphondo noloomasipala
1. Ulwabiwo-mali lwezwelonke, olwamaphondo noloomasipala neenkqubo zolwabiwo-mali mazikhuthaze ukusebenzela elubala, ukuphendula, nokuphathwa ngempumelelo koqoqosho, kwamatyala norhulumente.
2. Umthetho wepalamente wezwelonke mawuxele –
a. uhlobo omalube lulo ulwabiwo-mali lwezwelonke, olwamaphondo noloomasipala;
b. ukuba maluthiwe thaca nini na ulwabiwo-mali lwezwelonke nolwamaphondo; nokuthi
c. ulwabiwo-mali kwinqwanqwa ngalinye likarhulumente malubonise imithombo yengeniso nendlela eya kuthi ngayo inkcitho ecetywayo ivisisane nokufunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke.
3. Ulwabiwo-mali kwinqwanqwa ngalinye likarhulumente malube –
a. noqikelelo lwengeniso nenkcitho, lwenze umahluko phakathi kwemali ekhoyo nenkcitho ekhoyo;
b. namacebo okuhlawulela nakuphi na ukunqongophala kwethuba lexesha okwenzeka kulo; kananjalo
c. lubonise ukuba ziyintoni iinjongo ngokuboleka nezinye iintlobo zokungen’ ematyaleni kukarhulumente okuya kuthi kwandise ityala likarhulumente kunyaka oza kuthi ulandele.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 215: 1 Januwari 1998.]

216. Ukulawulwa kwenxili
1. Umthetho wepalamente wezwelonke mawuseke inxili yesizwe kwaye uxele iindlela zokuqinisekisa ukusetyenziswa kwawo elubala nokulawulwa kwenkcitho kwinqwanqwa ngalinye likarhulumente, ngokuthi gqi–
a. nendlela yokubal’imali evunyiweyo ngokubanzi;
b. nokudweliswa kweenkcitho okufanayo; kwakunye
c. nemilinganiselo efanayo yokugcinwa kwenxili.
2. Uvimba wemali wezwelonke makaqinisekise ukuba ayathatyathwa amanyathelo asekwe ngokwesiqedwana (1), kwaye usenokukumisa ukufuduselwa kweemali kwicandelo likarhulumente ukuba elo candelo likarhulumente liyaphula loo milinganiselo ngokugqithisileyo okanye ngokuzingisileyo.

[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 5(a) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

3. Isigqibo sokukumisa ukufuduselwa kweemali ezifanele zifunyanwe liphondo ngokwesiqendu 214(1)
a. sinokuthatyathwa kuphela kwiimeko ezikhankanywe kwisiqendwana (2) kwaye–
b. akuvumelekanga ukuba sikumise ukufuduswa kweemali ixesha elingaphezu kweentsulu ezili-120; kwaye
c. sinokunyanzeliswa ngoko nangoko, kodwa siyakuphelelwa, kuqale emva ukuphelelwa oko, ngaphandle kokuba iPalamente iyavumelana nako emva kokwenzeka kwenkqubo ephantse ifane kanobom naleyo engokwesiqendu 76(1) nefunwa yimigaqo yendibaniselwano nayimiyalelo yePalamente. Le nkqubo mayigqitywe zingaphelanga iintsuku ezingama-30 senziweisigqibo nguvimba wemali wezwelonke.

[Isiqendwana (3) senziwa utshintsho sisiqendu 5(b) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

4. IPalamente isenokusivuselela isigqibo sokukumisa ukufuduswa kweemali ixesha elingengaphezulu kweentsuku ezili-120 ngexesha, emva kokulandela inkqubo engokwesiqendwana (3).
5. Ngaphambi kokuba iPalamente ivumelane nesigqibo okanye isivuselele isigqibo sokukumisa ukufuduselwa kwemali kwiphondo–
a. uMphicothi-zimali-Jikelele makenz’ingxelo kwiPalamente; kwaye
b. iphondo malinikwe ithuba lokuziphendula izityholo elibekwa zona, nelokucacisa elalo icala, phambi kwekomiti.

217. Ukuthenga
1. Xa icandelo likarhulumente kurhulumente wezwelonke, kowephondo okanye kowasekuhlaleni, okanye naliphi na elinye iziko ekuthethwa ngalo kumthetho wepalamente wezwelonke, lingena kwisivumelwano sokufumana impahla okanye iinkonzo, malenze njalo ngokuvumelana nenkqubo engakhalazisiyo, eselubala, enokhuphiswano nengenazindleko.
2. Isiqendwana (1) asiwathinteli amacandelo karhulumente okanye amaziko ekuthethwe ngawo kweso siqendwana ukuba asebenzise inkqubo yokuthenga evumela–
a. ukuba kubekho iindidi okanye abantu ekukhethwa bona kunabanye ekukhutshweni kwezivumelwano;
b. nokukhuselwa okanye ukubekwa ethamsanqeni kwabantu, okanye kweendidi zabantu, ebeziselishweni ngenxa yocalulo olungafanelekanga.
3. Umthetho wepalamente wezwelonke mawuxele imida emayisetyenziswe ngaphakathi kwayo inkqubo ekuthethwe ngayo kwisiqendwana (2).

[Isiqendwana (3) sathatyathelw’indawo sisiqendu 6 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

218. Iziqinisekiso zikarhulumente
1. Urhulumente wezwelonke, urhulumente wephondo okanye umasipala unokuqinisekisa imali-mboleko kuphela ukuba isiqinisekiso siyahambisana nemiqathango echazwe kumthetho wepalamente wezwelonke.
2, Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) unokuwiswa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe uncomelo lweKomishoni yeeMali neeRhafu.
3. Urhulumente ngamnye makapapashe ingxelo engeziqinisekiso azikhuphileyo.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 218: 1 Januwari 1998.]

219. Ukuhlawulwa umvuzo kwabantu abakwisikhundla soburhulumente
1. UMthetho wePalamente mawuxele inkqubo yokwenza isigqibo–
a. ngemivuzo, ngeemalana ezisecaleni nangamaqithiqithi okufunyanwa ngamalungu eNdlu yoWiso-mthetho, ngabathunywa abasisigxina kwiBhunga lamaPhondo leZwelonke, ngamalungu eKhabhinethi, ngooSekela- Mphathiswa, ziinkokeli zomthonyama nangamalungu amabhunga eenkokeli zomthonyama;
b. nangomda ophezulu emayingagqithi kuwo imivuzo, iimalana ezisecaleni okanye amaqithiqithi okufunyanwa ngamalungu ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo, ngaBaphathiswa bamaphondo, nangamalungu amaBhunga ooMasipala eendidi ngeendidi.
2. Umthetho wepalamente wezwelonke mawuseke ikomishoni ezimeleyo yokwenza uncomelo ngemivuzo, ngeemalana ezisecaleni nangamaqithiqithi ekuthethwa ngawo kwisiqendwana (1).
3. IPalamente inokuphumeza umthetho ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) kuphela emva kokuqwalasela uncomelo lwekomishoni esekwe ngokwesiqendwana (2).
4. Urhulumente wezwelonke, urhulumente wephondo, umasipala okanye naliphi na elinye igunya elifanelekileyo linokusebenzisa umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) kuphela emva kokuqwalasela uncomelo lwekomishoni esekwe ngokwesiqendwana (2).
5. Umthetho wepalamente wezwelonke mawumisele iinkqubo zokwenza isigqibo ngemivuzo, ngeemalana ezisecaleni nangamaqithiqithi okufunyanwa ziijaji, nguMkhuseli woLuntu, nguMphicothi-zimali-Jikelele, nangamalungu ayo nayiphi na ikomishoni ekuthethwe ngayo kuMgaqo-siseko, kuquka negunya losasazo ekuthethwe ngalo kwisiqendu 192.

IKomishoni yeeMali neeRhafu

220. Ukusekwa kwayo nemisebenzi yayo
1. Kukho iKomishoni yeeMali neeRhafu yeRiphablikhi eyenza uncomelo ekuthethwe ngalo kwesi Sahluko okanye kumthetho wepalamente wezwelonke, ilubhekisa uncomelo lwayo kwiPalamente, kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo nakuwo nawaphi na amanye anagunya axelwa ngumthetho wepalamente wezwelonke.
2. Le Komishoni izimele geqe kwaye ilawulwa kuphela nguMgaqo-siseko nangumthetho, kwaye mayibe yengakhethi buso.
3. Le Komishoni mayisebenze ngokoMthetho wePalamente kwaye, ekwenzeni imisebenzi yayo, mayiqwalasele zonke izinto zokuqwalaselwa, kuquka nezo zidweliswe kwisiqendu 214(2).

221. Ukumiselwa kwamalungu nexesha lokuba sesikhundleni kwawo
1. Le Komishoni inaba bantu babhinqileyo nabangamadoda abamiselwe nguMongameli, njengentloko karhulumente wezwelonke:
a. usihlalo nosekela-sihlalo;
b. abantu abathathu abakhethwe, emva kokubonisana neeNkulumbuso, bekhethwa kuludwe oluqulunqwe ngokwenkqubo exelwa ngumthetho wepalamente wezwelonke;
c. abantu ababini abakhethwe, emva kokubonisana norhulumente wasekuhlaleni ocwangcisiweyo, bekhethwa kuludwe oluqulunqwe ngokwenkqubo exelwa ngumthetho wepalamente wezwelonke; kunye
d. nabanye abantu ababini.

[Isiqendwana (1) sathatyathelw’indawo sisiqendu 2 soMthetho Wesihlanu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-1999, saza sathatyathelw’indawo sisiqendu 7(a) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

(1A) Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) mawuvumele ukuthabath’inxaxheba-

a. kweeNkulumbuso ekuqulunqweni koluhlu ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (1)(b); nokuthabath’inxaxheba
b. korhulumente wasekuhlaleni ocwangcisiweyo ekuqulunqweni koluhlu ekuthethwe ngalo kwisiqendwana (1)(c).

[Isiqendwana (1A) safakelwa sisiqendu 7(b) soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2001.]

2. Amalungu ale Komishoni makabe nobuchule obufanelekileyo.
3. Amalungu akhonza ixesha elitshiwo ngumthetho wepalamente wezwelonke. UMongameli usenokulishenxisa ilungu esikhundleni ngesizathu esikukwenza into embi, ngenxa yokungavunyelwa yimpilo okanye ngenxa yokungawazi umsebenzi.

222. Iingxelo
IKomishoni mayenz’ingxelo rhoqo kokubini kwiPalamente nakwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo.

IBhanki Enkulu

223. Ukusekwa kwayo
IBhanki EnguVimba yoMzantsi-Afrika iyibhanki enkulu yeRiphablikhi kwaye ilawulwa ngokoMthetho wePalamente.

224. Injongo yayo ephambili
1. Injongo ephambili yeBhanki EnguVimba yoMzantsi-Afrika kukukhusela ixabiso lemali yakweli ukuze kubekho ukukhula koqoqosho okulungeleleneyo nokuqhubekayo kwiRiphablikhi.
2. Ekufezeni injongo yayo ephambili, iBhanki EnguVimba yoMzantsi-Afrika mayiyenze imisebenzi yayo izimele geqe nangokungenaloyiko, ingakholisi mntu okanye imone, kodwa makubekho ukubonisana okuthe rhoqo phakathi kweBhanki nelungu leKhabhinethi eliphathiswe imicimbi yemali yezwelonke.

225. Amagunya ayo nemisebenzi yayo
Amagunya eBhanki EnguVimba yoMzantsi-Afrika nemisebenzi yayo ngaloo magunya asetyenziswa naloo misebenzi eyenziwa ngokuqhelekileyo ziibhanki ezinkulu, magunya lawo nemisebenzi leyo emayigqitywe nguMthetho wePalamente kwaye mawasetyenziswe amagunya okanye yenziwe imisebenzi ngokulawulwa yimiqathango efunwa nguloo Mthetho.

Imicimbi yezeMali yaMaphondo neyeeNgingqi

226. IiNgxowa-mali zeNgeniso zamaPhondo
1. Kukho iNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo yephondo ngalinye emayifakwe kuyo yonke imali efunyenwe ngurhulumente wephondo, ngaphandle kwemali engenakufakwa ngesizathu esivakalayo ngokoMthetho wePalamente.
2. Imali inokutsalwa kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo kuphela–
a. ngokolwabiwo-mali loMthetho wephondo, okanye
b. xa itsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo, xa kusitsho uMgaqo- siseko okanye uMthetho wephondo.
3. Ingeniso eyabelwa urhulumente wasekuhlaleni, ngokusebenzisa iphondo, ngokwesiqendu 214(1), itsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yelo phondo.
4. Umthetho wepalamente wezwelonke usenokumisela inkqubo ekunokuthi ngayo-
a. uMthetho wephondo ugunyaze ngokwesiqendwana (2)(b) ukutsalwa kwemali njengetsalwa ngqo kwingxowa-mali yephondo,
b. ingeniso eyabelwa urhulumente wasekuhlaleni, ngokusebenzisa iphondo, ngokwesiqendwana (3) inyanzeleke ukuba ihlawulwe koomasipala abakwiphondo.

[Isiqendwana (4) songezwa sisiqendu 8 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2001.]

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 226: 1 Januawri 1998.]

227. Imithombo yezwelonke yokuxhaswa kwamaphondo noorhulumente basekuhlaleni
1. Urhulumente wasekuhlaleni nephondo ngalinye–
a. banelungelo lokufumana isabelo esifanelekileyo sengeniso ezuzwe elizweni lonke ukuze bakwazi ukunika uluntu iinkonzo ezisisiseko nokwenza imisebenzi abayabelweyo; kwaye
b. basenokufumana ezinye izabelo abazabelweyo bezifumana kwingeniso karhulumente wezwelonke, nokuba bazifumana ngemiqathango okanye ngokungenamiqathango.
2. Enye ingeniso ezuzwe ngamaphondo okanye ngoomasipala ayinakutsalwa kwisabelo sabo sengeniso ezuzwe elizweni lonke, okanye ezuzwe kolunye ulwabiwo-mali olwenzelwe bona luphuma kwingeniso karhulumente wezwelonke. Ngokukwanjalo, akanyanzelekanga urhulumente wezwelonke ukuba awanik’ imbuyiselo amaphondo okanye oomasipala abangavelisi ngeniso elingana namandla abo okufumana imali nerhafu.
3. Isabelo esifanelekileyo sengeniso yephondo esizuzwe elizweni lonke masifuduselwe kwiphondo kamsinya, kunjalonje kungatsalwa nto, ngaphandle kwaxa ufuduso lumisiwe ngokwesiqendu 216.
4. Malizizamele ngokwalo iphondo ubuncwane elibufunayo, ngokokutsho koMgaqo- siseko walo wephondo, xa kububuncwane obungaphaya kweemfuno zalo ekuthethwe ngazo kuMgaqo-siseko.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 227: 1 Januwari 1998.]

228. Iirhafu zamaphondo
1. Indlu yowiso-mthetho yephondo isenokufuna–
a. iirhafu nezinye iintlawulo ezingeyiyo irhafu yengeniso, iVAT, irhafu yentengiso, iintlawuliso ngomhlaba nemizi okanye iirhafu zasemdeni welizwe;
b. iintlawuliso ezilingana kumntu wonke kuyo nayiphi na irhafu okanye ezinye iintlawulo ezifunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke, ezingeyiyo irhafu yengeniso yamashishini, iVAT, iintlawuliso zomhlaba nemizi okanye iintlawuliso zasemideni yelizwe.

[Isiqendu (b) sathatyathelw’indawo sisiqendu 9 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

2. Igunya lendlu yowiso-mthetho yephondo lokufun’iirhafu nezinye iintlawulo–
a. alinakusetyenziswa ngendlela ephazamisa kanobom iinkqubo zoqoqosho zezwelonke, imisebenzi yoqoqosho eqhubeka kuwo onke amaphondo, okanyeephazamisa ukutyhutyha kwempahla ezweni lonke, iinkonzo, imali okanyeumsebenzi; kwaye
b. malilawulwe ngokoMthetho wePalamente, onokuwiswa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe uncomelo olwenziwe yiKomishoni yeeMali neeRhafu.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 228: 1 Januwari 1998.]

229. Amagunya okufun’ iirhafu oomasipala nemisebenzi yabo
1. Ngokulawulwa sisiqendwana (2), (3) nese-(4), umasipala unokufuna–
a. iintlawulo ngomhlaba nemizi ngeenkonzo azenzayo okanye ezenziwa egameni likamasipala; kwaye
b. ukuba ugunyazwe ngumthetho wepalamente wezwelonke, unokufuna nezinye iirhafu neentlawulo ezifanelekileyo ukuba zifunyanwe ngurhulumente wasekuhlaleni okanye zifunyanwe ludidi lorhulumente wasekuhlaleni awela kulo loo masipala, kodwa akukho masipala uvumelekileyo ukuba afune irhafu, iVAT, irhafu yeentengiso okanye yokungena emideni yelizwe.
2. Igunya likamasipala lokufuna intlawulo ngemihlaba nemizi nangezinye iintlawulo ngeenkonzo ezenziwa okanye ezenziwa egameni lakhe–
a. alinakusetyenziswa ngendlela ephazamisa kanobom iinkqubo zoqoqosho zezwelonke, imisebenzi yoqoqosho eqhubeka kuwo onke amaphondo, okanyeukutyhutyha kwempahla, iinkonzo, imali okanye umsebenzi; kwaye
b. kunokulawulwa ngumthetho wepalamente wezwelonke.
3. Xa oomasipala ababini benamagunya afanayo erhafu nemisebenzi ngokuphathelele kummandla omnye, makahlulwe ngokufanelekileyo loo magunya naloo misebenzi ngokomthetho wepalamente wezwelonke. Ukwahlulwa kunokwenziwa kuphela emva kokucingela ubuncinane iimfuneko ezilandelayo:
a. imfuneko yokwenza ngokuvisisana nemigaqo ebhadlileyo yokurhafiswa;
b. amagunya asetyenziswa, nemisebenzi eyenziwa, ngumasipala ngamnye;
c. ukukwazi kukamasipala ngamnye ukufuna iintlawulo;
d. ukukwazi ngokuphumelelayo nangokutyibilikayo ukuzuza iimali zeerhafu nezezinye iintlawulo;
e. ukwenziwa kokufanelekileyo.
4. Akukho nto kwesi siqendu ethintela ukuba kudlelwane ngengeniso ezuzwe ngokwesi siqendu ngoomasipala abanegunya lokufun’iintlawulo nabadlelana ngemisebenzi efanayo kummandla omnye.
5. Umthetho wepalamente wezwelonke ekucingwa ngawo kwesi siqendu unokuwiswa kuphela emva kokuba kuboniswene norhulumente wasekuhlaleni ocwangcisiweyo neKomishoni yeeMali neeRhafu, kwaqwalaselwa noncomelo olwenziwe yiKomishoni.

[Umhla wokuqalisa kwesiqendu 229: 1 Januwari 1998.]

230. Iimali-mboleko zamaphondo
1. Iphondo linokwenza iimali-mboleko zemali okanye zenkcitho yangoku ngokuvumelana nomthetho wepalamente wezwelonke, kodwa iimali-mboleko zenkcitho yangoku zinokwenziwa kuphela xa kuyimfuneko ngenjongo yokuval’ isikhewu ekuqhubekeni konyaka werhafu.
2, Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) unokuwiswa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe uncomelo olwenziwe yiKomishoni yeeMali neeRhafu.

[Isiqendu 230 sathayathelw’indawo sisiqendu 10 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

230A. Iimali-mboleko zoomasipala
1. IBhunga likaMasipala linokuthi, ngokuvumelana nomthetho wepalamente wezwelonke-
a. lenze iimali-mboleko zokwenz’imali okanye zenkcitho yangoku kamasipala, kodwa iimali-mboleko zenkcitho yangoku zinokwenziwa kuphela xa kuyimfuneko ngenjongo yokuval’izikhewu ekuqhubekeni konyaka werhafu; kwaye
b. lizinkqamangele kunye neBhunga lexesha elizayo ekusebenziseni igunya lalo lokuwis’imithetho nelokuba ngurhulumente ukuzuza iimali-mboleko okanye utyalo-mali olulolukamasipala.
2. Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (1) unokuwiswa kuphela emva kokuba kuqwalaselwe uncomelo olwenziwe yiKomishoni yeeMali neeRhafu.

[Isiqendu 230A safakelwa sisiqendu 17 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2001.]