UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isahluko 12

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isahluko 12: Iinkokeli Zomthonyama

211. Ukwamkeleka kwazo
1. Ubukho beenkokeli zomthonyama, iwonga lazo nenxaxheba yazo, ngokomthetho wesintu, ezo zinto ziyamkelwa, ngokulawulwa nguMgaqo-siseko.
2. Ugunyaziwe ophila ngokwesithethe somthetho wesintu uvumelekile ukuba asebenze, ngokulawulwa nguwo nawuphi na umthetho wepalamente namasiko asebenzayo kwimeko, okuquka utshintsho olwenziweyo kuloo mthetho wepalamente okanye kuloo masiko okanye ukutshitshiswa kwawo.
3. Iinkundla zivumelekile ukuba ziwusebenzise umthetho wesintu ukuba loo mthetho uyasebenziseka kwimeko leyo, kodwa ke ngokulawulwa nguMgaqo-siseko nangumthetho wepalamente othetha ngomthetho wesintu.

212. Inxaxheba yeenkokeli zomthonyama
1. Umthetho wepalamente wezwelonke usenokuxela inxaxheba yeenkokeli zomthonyama ekuhlaleni kwimicimbi echaphazela abantu ekuhlaleni.
2. Ukuze kusingathwe imicimbi emayela neenkokeli zomthonyama, nenxaxheba yeenkokeli zomthonyama, nomthetho wesintu namasiko abantu abaphila ngezithethe zomthetho wesintu–
a. umthetho wepalamente wezwelonke okanye wephondo usenokuthi makusekwe izindlu zeenkokeli zomthonyama; kwaye
b. umthetho wepalamente wezwelonke usenokuseka ibhunga leenkokeli zomthonyama.