UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isahluko 11

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isahluko 11: Iinkonzo Zokhuseleko

198. Imigaqo engundoqo
1. Imigaqo elandelayo ilawula ukhuseleko lwelizwe kwiRiphablikhi:
a. ukhuseleko lwelizwe malubonise isigqibo sabantu baseMzantsi-Afrika, bengumntu ngamnye bekwasisizwe, sokuphila njengabalinganayo, sokuphila ngoxolo nemvisiswano, sokungabi nalo uloyiko nokuswela, nesokufuna ubomi obubhetele;
b. isigqibo sokuphila ngoxolo nemvisiswano siyamthintela nawuphi na ummi waseMzantsi-Afrika ekuthabathen’inxaxheba kungquzulwano ekuxhotyiweyo kulo, kwilizwe lethu okanye kwamanye amazwe, ngaphandle kwalapho kutsho uMgaqo-siseko okanye umthetho wepalamente wezwelonke;
c. ukhuseleko lwelizwe malufunwe ngendlela evisisana nomthetho, kuquka nomthetho wamazwe ngamazwe;
d. ukhuseleko lwelizwe luphantsi kwegunya lePalamente norhulumente wezwelonke.

199. Ukusekwa kweenkonzo zokhuseleko, ukwakheka kwazo nendlela yokuziphatha
1. Iinkonzo zokhuseleko zeRiphablikhi ngumkhosi wokhuselo omnye, inkonzo yamapolisa enye kuzo naziphi na iinkonzo zobuntlola ezisekwe ngokoMgaqo-siseko.
2. Umkhosi wokhuselo kuphela komkhosi wamajoni osemthethweni kwiRiphablikhi.
3. Ngaphandle kweenkonzo zokhuseleko ezisekwe ngokoMgaqo-siseko, imibutho exhobileyo okanye abenza iinkonzo ekuxhotywayo kuzo banokusekwa kuphela ngokomthetho wepalamente wezwelonke.
4. Iinkonzo zokhuseleko mazakhiwe zize zilawulwe ngumthetho wepalamente wezwelonke.
5. Iinkonzo zokhuseleko mazenze, zifundise kwaye zifune ukuba amalungu azo enze, ngokuvumelana noMgaqo-siseko nomthetho, kuquka nomthetho wamazwe ngamazwe oqhelekileyo nezivumelwano zamazwe ngamazwe eziyinkqamangelayo iRiphablikhi.
6. Akukho lungu layo nayiphi na inkonzo yokhuseleko emalithobele umyalelo obonakala ngokucacileyo ukuba awukho mthethweni.
7. Iinkonzo zokhuseleko, okanye ilungu lazo, azivumelekanga ukuba, ekwenzeni imisebenzi yazo–
a. zithintele injongo yeqela lopolitiko efanelekileyo ngokoMgaqo-siseko; okanye
b. ziqhubele phambili, ngendlela enomkhethe, injongo yeqela lopolitiko.
8. Ukuze kuphunyezwe imigaqo yokusebenzela elubala nokuphendula, iikomiti zepalamente zamaqela ngamaqela mazongamele zonke iinkonzo zokhuseleko ngendlela efunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke okanye efunwa yimigaqo nayimiyalelo yePalamente.

Ukhuselo

200. Umkhosi wokhuselo
1. Umkhosi wokhuselo mawakhiwe uze uphathwe njengomkhosi wamajoni ogcin’ ucwangco.
2. Injongo ephambili yomkhosi wokhuselo kukuyilwela nokuyikhusela iRiphablikhi, umhlaba wayo nabantu bayo ngokuvumelana noMgaqo-siseko nemigaqo yomthetho wamazwe ngamazwe elawula ukusetyenziswa kwezigalo.

201. Imbopheleleko eyeyopolitiko
1. Ilungu leKhabhinethi malibe nembopheleleko yokhuselo.
NguMongameli kuphela, njengentloko karhulumente wezwelonke, onokugunyaza ukutyalwa komkhosi wokhuselo–
a. ngokusebenzisana namapolisa;
b. ekukhuseleni iRiphablikhi;
c. ekuphumezeni imbopheleleko engokwamazwe ngamazwe.
2. Xa umkhosi wokhuselo utyalwa ngayo nayiphi na injongo ekhankanywe kwisiqendwana (2), uMongameli makazise iPalamente msinya, kunjalonje anike iinkcukacha ezifanelekileyo–
a. ngezizathu zokutyalwa komkhosi wokhuselo;
b. ngendawo otyalwa kuyo umkhosi wokhuselo;
c. ngenani labantu ababandakanyekileyo;
d. nangobude bexesha ekulindeleke ukuba umkhosi utyalwe.
3. Ukuba iPalamente ayihlali kwisithuba seentsuku ezisixhenxe zokuqala utyaliwe umkhosi wokhuselo ngendlela ekucingwa ngayo kwisiqendwana (2), uMongameli makayinike ikomiti yokongamela efanelekileyo ingcombolo efuneka kwisiqendwana (3).

202. Igunya phezu komkhosi wokhuselo
1. UMongameli njengentloko karhulumente wezwelonke unguSomagunya oyiNtloko womkhosi wokhuselo; makamisele uSomagunya womkhosi wokhuselo.
2. Igunya phezu komkhosi wokhuselo malisetyenziswe ngokwemiyalelo yelungu leKhabhinethi eliphathiswe ukhuselo, phantsi kwegunya likaMongameli

203. Imeko yokhuselo lwelizwe
1. UMongameli njengentloko karhulumente wezwelonke usnokubhengeza imeko yokhuselo lwelizwe, kwaye makazise iPalamente msinya kananjalo enika iinkcukacha ezifanelekileyo–
a. ngezizathu zesibhengezo;
b. ngendawo otyalwa kuyo umkhosi wokhuselo;
c. nangenani labantu ababandakanyekileyo.
2. Ukuba iPalamente ayihlalanga xa kubhengezwa imeko yokhuseleko lwelizwe, uMongameli makabizele iPalamente ekuhlaleni okungelilo ixesha eliqhelekileyo zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe senziwe isibhengezo.
3. Isibhengezo semeko yokhuselo lwelizwe siyaphelelwa ngaphandle kokuba siyavunywa yiPalamente kwisithuba seentsuku ezisixhenxe senziwe isibhengezo.

204. Abasebenzi abangengomajoni kukhuselo
Makugunyazwe ubukho babasebenzi abangengomajoni begunyazwa ngumthetho wepalamente wezwelonke ukuba basebenze phantsi kolwalathiso lwelungu leKhabhinethi eliphathiswe ukhuselo.
Amapolisa

205. Inkonzo yobupolisa
1. Inkonzo yobupolisa yezwelonke mayakhiwe ngendlela yokuba isebenze kurhulumente wezwelonke, kowamaphondo, kuze kuthi apho kufanelekileyo khona, nakoorhulumente basekuhlaleni.
2. Umthetho wepalamente wezwelonke mawuxele amagunya nemisebenzi yenkonzo yobupolisa kwaye mawuyenze inkonzo yobupolisa ikwazi ukuzifeza iimbopheleleko zayo ngempumelelo, icingela iimfuneko zamaphondo.
3. Iinjongo zenkonzo yamapolisa kukuthintela ulwaphulo-mthetho, ilwe nalo, iluphande, kukugcina ucwangco eluntwini, kukukhusela abemi beRiphablikhi nempahla yabo, nokuwuxhasa nokuwunyanzelisa umthetho.

206. Imbopheleleko eyeyopolitiko
1. Ilungu leKhabhinethi maliphathiswe umsebenzi wobupolisa kwaye malenze isigqibo ngenkqubo yomsebenzi wobupolisa kwilizwe lonke emva kokubonisana noorhulumente bamaphondo nokucingela iimfuno zomsebenzi wobupolisa nezinto ezifuneka kuqala kumaphondo njengoko zixelwa ngoorhulumente bamaphondo.
2. Inkqubo yomsebenzi wobupolisa kwilizwe lonke isenokwenza ukuba kubekho iinkqubo ezingafaniyo kumaphondo ngamaphondo emva kokucingela iimfuno zomsebenzi wobupolisa zala maphondo.
3. Iphondo ngalinye linelungelo–
a. lokukubek’esweni ukuziphatha kwamapolisa;
b. lokongamela ukusebenza ngempumelelo nangokutyibilikayo kwenkonzo yobupolisa, kuquka nokufumana iingxelo ngenkonzo yobupolisa ;
c. lokukhuthaza ubudlelane obuhle phakathi kwamapolisa noluntu;
d. lokuphonononga ukuba kusebenza ngempumelelo kangakanani na ukubonakala kwamapolisa phakathi koluntu;
e. nelokuthetha nelungu leKhabhinethi eliphathiswe umsebenzi wobupolisa ngokumayela nolwaphulo-mthetho nokwenziwa komsebenzi wobupolisa kwiphondo.
4. Urhulumente wephondo unembopheleleko ngemisebenzi yobupolisa–
a. ayinikwe sesi Sahluko;
b. abelwe yona ngokomthetho wepalamente wezwelonke;
c. nabelwe yona kwinkqubo yomsebenzi wobupolisa yezwelonke.
5. Ukuze liyenze imisebenzi echazwe kwisiqendwana (3), iphondo–
a. lisenokuphanda, okanye limisele ikomishoni yophando, iphande ngezikhalazo zokungasebenzi kakuhle kwamapolisa okanye ngokufadalala kobudlelane phakathi kwamapolisa noluntu; kwaye
b. malenze uncomelo kwilungu leKhabhinethi eliphathiswe umsebenzi wobupolisa.
6. Lisakufumana isikhalazo esifakwe ngurhulumente wephondo, iqumrhu elizimeleyo lezikhalazo ngamapolisa elisekwe ngumthetho wepalamente wezwelonke maliphande ukuziphatha kakubi okubikwayo kwepolisa kwiphondo.
7. Umthetho wepalamente wezwelonke mawenze ukuba kusekwe iinkonzo zobupolisa zoomasipala, uxele amagunya azo nemisebenzi yazo.
8. Makusekwe ikomiti ekukho kuyo ilungu leKhabhinethi naBaphathiswa bephondo bomsebenzi wobupolisa ukuqinisekisa ukuba ilungelelaniswa ngempumelelo inkonzo yobupolisa nokuthi asebenzisana ngempumelelo amanqwanqwa oorhulumente.
9. Indlu yowiso-mthetho yephondo isenokufuna ukuba umkomishinala wephondo avele phambi kwayo okanye phambi kwenye yeekomiti zayo ukuze aphendule imibuzo.

207. Ukulawulwa kwenkonzo yobupolisa
1. UMongameli njengentloko karhulumente wezwelonke makamisele umntu obhinqileyo okanye umntu oyindoda ukuba abe nguMkomishinala weZwelonke wenkonzo yobupolisa, alawule inkonzo yobupolisa.
2. UMkomishinala weZwelonke makayilawule inkonzo yobupolisa ngokwenkqubo yomsebenzi wobupolisa yezwelonke nangokwemiyalelo yelungu leKhabhinethi eliphathiswe umsebenzi wobupolisa.
3. UMkomishinala weZwelonke, ngokuvumelana norhulumente wezwelonke, makamisele umntu obhinqileyo okanye umntu oyindoda abe ngumkomishinala wephondo kwelo phondo, kodwa ukuba uMkomishinala weZwelonke norhulumente wephondo abavumelani ngomntu omakamiselwe, ilungu leKhabhinethi eliphathiswe umsebenzi wobupolisa malilamle.
4. Abakomishinala bamaphondo banembopheleleko yomsebenzi wobupolisa kumaphondo abo–
a. ngendlela efunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke;
b. nangokulawulwa ligunya loMkomishinala weZwelonke lokuyilawula inkonzo yobupolisa ngokwesiqendwana (2).
5. Umkomishinala wephondo makenz’ingxelo kwindlu yowiso-mthetho yephondo qho ngonyaka ngomsebenzi wobupolisa kwiphondo, kwaye makathumele ikopi yengxelo kuMkomishinala weZwelonke.
6. Ukuba umkomishinala wephondo akasathenjwa ngurhulumente wephondo, urhulumente unokuqalisa amanyathelo afanelekileyo okushenxiswa okanye okufuduselwa kwenye indawo kwloo mkomishinala, okanye okumthabathel’ amanyathelo oluleko, ngokomthetho wepalamente wezwelonke.

208. Abasebenzi abangengawo amapolisa ebupoliseni
Umthetho wepalamente wezwelonke mawenze ukuba kubekho abasebenzi abangengawo amapolisa kwinkonzo yobupolisa ukuze basebenze phantsi kolwalathiso lwelungu leKhabhinethi eliphathiswe umsebenzi wobupolisa.

Ubuntlola

209. Ukusekwa kweenkonzo zobuntlola nokulawulwa kwazo
1. Nayiphi na inkonzo yobuntlola, engelilo icandelo lobuntlola lomkhosi wokhuselo okanye lenkonzo yamapolisa, inokusekwa nguMongameli kuphela, njengentloko karhulumente wezwelonke, kuphela ngokomthetho wepalamente wezwelonke.
2. UMongameli njengentloko karhulumente wezwelonke makamisele umntu obhinqileyo okanye oyindoda abe yintloko yenkonzo yobuntlola nganye esekwe ngokwesiqendwana (1), kwaye makathwal’imbopheleleko eyeyopolitiko yokulawula nokwalathisa enye yezo nkonzo, okanye achonge ilungu leKhabhinethi lithwale loo mbopheleleko.

210. Amagunya, imisebenzi nokubek’ esweni
1. Umthetho wepalamente wezwelonke mawulawule iinjongo, namagunya nemisebenzi yeenkonzo zobuntlola, kuquka naliphi na icandelo lomkhosi wokhuselo okanye lenkonzo yobupolisa, kwaye mawenze ukuba–
a. zilungelelaniswe zonke iinkonzo zobuntlola;
b. zibekw’esweni ngabantu abangengomajoni nabangengomapolisa iintsebenzo zezo nkonzo, zibekw’esweni ngumhloli omiselwe nguMongameli, njengentloko karhulumente wezwelonke, waza wavunywa ngesigqibo esamkelwe yiNdlu yoWiso-mthetho ngevoti exhasayo ubuncinane yesibini kwisithathu samalungu ayo.