UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isihlomelo 3

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isihlomelo 3: Iinkqubo Zonyulo

[ISihlomelo 3 senziwa utshintsho sisiqendu 2 soMthetho Wesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-1999, nasisiqendu 19 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka- 2001, nasisiqendu 3 soMthetho Wethoba Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2002, nasisiqendu 5 soMthetho Weshumi Elinesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2008.]

ICandelo A: Iinkqubo Zonyulo Zabantu Abanesikhundla NgokoMgaqo-siseko

1. Ukusebenza kwayo
1. Le Inkqubo echazwe kwesi Sihlomelo isebenza nanini na–
a. xa iNdlu yoWiso-mthetho ihlangana ngenjongo yokunyula uMongameli, okanye uSihlalo weNdlu yoWiso-mthetho okanye uSekela-Sihlalo wayo;
b. xa iBhunga lamaPhondo leZwelonke lihlangana ngenjongo yokunyula uSihlalo walo okanye uSekela-Sihlalo; okanye
c. indlu yowiso-mthetho yephondo ihlangana ngenjongo yokunyula iNkulumbuso yephondo okanye uSihlalo okanye uSekela-Sihlalo wendlu yowiso-mthetho.

2. Ukukhethwa kwabatu
Umntu owongameleyo kwintlanganiso ekusebenza kuyo esi Sihlomelo makamemelele ukuba kukhethwe abagqatswa kuloo ntlanganiso.

3. Izinto ezifunekayo
1. Ukukhetha makwenziwe kwifomu efunwa yimigaqo ekhankanywe kwisiqendu 9.
2. Ifomu ekukhethwa ngayo mayityikitywe–
a. ngamalungu amabini eNdlu yoWiso-mthetho, ukuba kuza kunyulwa uMongameli okanye uSihlalo okanye uSekela-Sihlalo weNdlu;
b. egameni lamagqiza amabini amaphondo, ukuba kuza kunyulwa uSihlalo okanye uSekela-Sihlalo weBhunga lamaPhondo leZwelonke; okanye
c. ngamalungu amabini eNdlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo, ukuba kunyulwa iNkulumbuso yephondo okanye uSihlalo okanye uSekela- Sihlalo wendlu yowiso-mthetho.
3. Umntu okhethiweyo makabonise ukukwamkela ukukhethwa kwakhe ngokutyikitya ifomu yokukhethwa okanye nayiphi na enye ifomu eqinisekisa ukuvuma kwakhe ngokubhala.

4. Ukubhengezwa kwamagama abagqatswa
Kwintlanganiso ekusebenza kuyo esi Sihlomelo, umntu owongamelayo makabhengeze amagama abantu abakhethwe ukuba babe ngabagqatswa, kodwa akavumelekanga ukuba avumele ingxoxo.

5. Umgqatswa omnye
Ukuba mnye kuphela umgqatswa okhethiweyo, umntu owongamelayo makambhengeze loo mgqatswa njengonyuliweyo.

6. Inkqubo Yonyulo
1. Ukuba kukhethwe abagqatswa abaliqela–
a. makuvotwe kwintlanganiso ngokuvota emfihlakalweni;
b. ilungu ngalinye elikhoyo kwintlanganiso linokufaka ivoti ibe nye, okanye ukuba yintlanganiso yeBhunga lamaPhondo leZwelonke, iphondo ngalinye elimelweyo kwintlanganiso linokufaka ivoti ibe nye; kuze kuthi ke
c. umntu owongamelayo abhengeze njengonyuliweyo umgqatswa ofumana uninzi lweevoti.

7. Inkqubo yokukhiqwa
1. Ukuba akukho mgqatswa ufumana uninzi lweevoti, umgqatswa ofumana elona nani liphantsi leevoti makakhiqwe kuze kuvotelwe kwakhona abagqatswa abaseleyo ngokwesiqendu 6. Mayiphindwe le nkqubo de umgqatswa afumane uninzi lweevoti.
2. Xa kusetyenziswa isiqendwana (1), ukuba abagqatswa ababini okanye abangaphezu koko uthi ngamnye kubo afumane elona nani liphantsi leevoti, makubekho olunye uvoto lwabo bagqatswa, luze luphindwe futhi-futhi kangangoko kuyimfuneko ukuze kuqondakale ukuba nguwuphi umgqatswa omakakhiqwe.

8. Ezinye iintlanganiso
1. Ukuba babini kuphela abagqatswa abakhethiweyo, okanye ukuba babini kuphela abagqatswa abaseleyo emva kokuba kusetyenziswe inkqubo yokukhiqwa, baza abo bagqatswa babini bafumane inani elilinganayo leevoti, makubekho enye intlanganiso zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe, ngexesha eligqitywe ngumntu owongamelayo.
2. Ukuba kuthi kubekho enye intlanganiso ngokwesiqendwana (1), makusetyenziswe inkqubo exelwe kwesi Sihlomelo kuloo ntlanganiso ngokungathi yintlanganiso yokuqala yonyulo.

9. Imigaqo
1. IJaji eyiNtloko mayenze imigaqo exela–
a. inkqubo emayilandelwe yeentlanganiso ekusebenza kuzo esi Sihlomelo;
b. imisebenzi yomntu owongamelayo kwintlanganiso, neyomntu oncedisa umntu owongamelayo;
c. ifomu emakusetyenziswe yona ukukhetha;
d. nendlela emaluqhutywe ngayo uvoto.
2. Le migaqo mayenziwe yaziwe ngendlela egqitywe yiJaji eyiNtloko.

iCandelo B: Indlela Emayisetyenziswe Yokugqiba Ngothabatho-nxaxheba Lwamaqela Kumagqiza Amaphondo AkwiBhunga lamaPhondo leZwelonke
1. Ukuthi bangaphi abathunywa kwigqiza lephondo elikwiBhunga lamaPhondo leZwelonke elinelungelo lokuba nabo iqela, makugqitywe ngokuphinda-phinda kalishumi inani lezihlalo elinalo iqela kwindlu yowiso-mthetho yephondo, size isiphumo sahlulwe ngenani lezihlalo kwindlu yowiso-mthetho, kongezwe isinye.
2. Ukuba xa kubalwa ngokwesiqendu 1 kubakho ukratya ongaginywayo ngabathunywa ababelwe kwiqela ngokwesiqendu 1, ukratya makakhuphisane nabanye ookratya abafana naye abakhoyo kwelinye iqela okanye kwamanye amaqela, baze abathunywa abangabiwanga kwigqiza babelwe iqela okanye amaqela ngokolandelelwano loyena kratya uphezulu.
3. Ukuba ookratya abakhuphisanayo abaxelwe kwisiqendu 2 bayalingana, abathunywa abangabiwanga kwigqiza mababelwe kwiqela okanye kumaqela abakwanaloo kratya, kulandelelaniswe ukusuka kwelona nani liphezulu ukuya kwelona nani liphantsi leevoti libhaliweyo laloo maqela kunyulo oludlulileyo lwendlu yowiso-mthetho yephondo echaphazelekayo.

[Isiqendu 3 songezwa sisiqendu 2 soMthetho Wesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-1999, saza sathatyathelw’indawo sisiqendu 3 soMthetho Wethoba Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2002, nasisiqendu 5(a) soMthetho Weshumi Elinesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2008.]

4. Ukuba aliqela amaqela anokratya ofanayo awathi aba nenani elilinganayo leevoti kunyulo oludlulileyo lwendlu yowiso-mthetho echaphazelekayo, indlu yowiso-mthetho echaphazelekayo mayibabele abathunywa abangabiwanga kwiqela elinokratya okwangako ngendlela evisisana nentando yesininzi.

[Isiqendu 4 songezwa sisiqendu 5(b) soMthetho Weshumi Elinesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo- siseko ka-2008.]