UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isahluko 6

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isahluko 6: Amaphondo

103. Amaphondo
1. IRiphablikhi inamaphondo alandelayo:
a. iMpuma-Koloni;
b. iFreyistata;
c. iRhawuti;
d. KwaZulu-Natal;
e. iLimpopo;
f. iMpumalanga;
g. uMntla-Koloni;
h. uMntla-Ntshona;
i. iNtshona-Koloni.

[Isiqendwana (1) sathatyathelw’indawo sisiqendu 3 soMthetho Weshumi Elinanye Wokwenz’Ut- shintsho KuMgaqo-siseko ka-2003, saza sona sathatyathelw’indawo sisiqendu 1 soMthetho Weshumi Elinesibini Wokwenz’Utshintsho KuMgaqos-siseko ka-2005.]'

2. Imimandla yamaphondo iyiyo yonke imimandla eboniswe kwiimaphu ngeemaphu ekuthethwe ngazo kwiSaziso esidweliswe kwiSihlomelo 1A.

[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 1 soMthetho Weshumi Elinesibini Wokwenz’ Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2005.]

3. a. Nanini na xa ummandla wephondo utshintshwa lutshintsho olwenziwa kuMgaqo-siseko, uMthetho wePalamente usenokuxela iindlela, kungadanga kube lixesha elide, zokulawula iziphumo ezibandakany’umthetho nezinye iziphumo ezizezinye ezizalwa lolo tshintsho.
b. UMthetho wePalamente ekuthethwa ngawo kwisiqendu (a) usenokuwiswa uze wenziwe usebenze ngaphambi kokuba luqalise ukusebenza olo tshintsho loMgaqo-siseko, kodwa imisebenzi yephondo, impahla yephondo, namalungelo, neembopheleleko, nemisebenzi, zinokufuduswa kuphela ngokwaloo Mthetho emva kokuba luqalile ukusebenza olo tshintsho loMgaqo-siseko.

[Isiqendu 103 sathatyathelw’indawo sisiqendu 1 soMthetho Weshumi Elinesibini Wokwenz’ Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2005.]

IziNdlu Zowiso-mthetho Zamaphondo

104. Igunya lokuwis’ umthetho lamaphondo
1. Igunya lokuwis’umthetho lephondo likwindlu yowiso yowiso-mthetho yalo kwaye lithi jize kwindlu yowiso-mthetho yephondo igunya–
a. lokuphumeza umgaqo-siseko wephondo okanye lokwenz’utshintsho kumgaqo-siseko ophunyezwe yiyo ngokwesiqendu 142 nese-143;
b. lokuphumeza umthetho wephondo ngawo–
i. nawuphi na umcimbi owela kummandla wentsebenzo odweliswe kwiSihlomelo (4);
ii. nawuphi na umcimbi owela kummandla wentsebenzo odweliswe kwiSihlomelo 5;
iii. nawuphi na umcimbi owela ngaphandle kuloo mimandla yentsebenzo, kodwa ube usabelwa iphondo ngokucacileyo ngumthetho wepalamente wezwelonke;
iv. nangawo nawuphi na umcimbi okuthi okutshiwo nguMgaqo-siseko kuvul’indlela yokuwiswa komthetho wephondo;
c. nelokuba amagunya alo okuwis’umthetho liwaphathise iBhunga likaMasipala kwelo phondo.
2. Indlu yowiso-mthetho yephondo, ngesindululo esamkelwe ngevoti exhasayo ubuncinane yesibini kwisithathu samalungu ayo, isenokucela iPalamente ukuba iliguqule igama lelo phondo.
3. Indlu yowiso-mthetho yephondo inkqanyangelwa kuphela nguMgaqo-siseko ize, ukuba iphumeze umgaqo-siseko wephondo, inkqanyangelwe nanguloo mgaqo- siseko, kwaye mayenze ngokuvumelana noMgaqo-siseko nangokuvumelana nomgaqo-siseko wephondo nangokulawulwa yimida yawo.
4. Umthetho wepalamente yephondo omayela nomcimbi oyimfuneko ukuze lisetyenziswe ngempumelelo igunya ngawo nawuphi na umcimbi odweliswe kwiSihlomelo 4, ungumthetho wepalamente ongomcimbi odweliswe kwiSihlomelo 4.
5. Indlu yowiso-mthetho yephondo isenokucela iNdlu yoWiso-mthetho ukuba yamkele umthetho wepalamente ongomcimbi ongaphaya kwegunya laloo ndlu yowiso-mthetho okanye ongomcimbi ekuthi kuwo kukhonye uMthetho wePalamente kunomthetho wephondo.

105. Indlela ezakheke ngayo izindlu zowiso-mthetho zamaphondo nonyulo lwazo
1. Indlu yowiso-mthetho yephondo ngamabhinqa namadoda anyulwe njengamalungu ngokwenkqubo yonyulo–
a. efunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke;
b. esekelwe kwinxalenye yelo phondo yomqulu wabavoti wezwelonke;
c. ethi eyona minyaka iphantsi yobudala anokuvota kuyo umntu yiminyaka eli-18;
d. nesiphumo sayo sikukumelwa ngokulinganayo.

[Isiqendwana (1) senziwa utshintsho sisiqendu 3 soMthetho Weshumi Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003 nasisiqendu 3 soMthetho Weshumi Elinesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2008.]

2. Indlu yowiso-mthetho yephondo inamalungu aphakathi kwama-30 nama-80. Inani lamalungu, elisenokushiya-shiyana ngokwamaphondo, maligqitywe ngokwendlela efunwa ngumthetho wepalamente wezwelonke.

106. Ubulungu
1. Wonke ummi ofanelekayo ukuba avotele iNdlu yoWiso-mthetho uyafaneleka ukuba abe lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo, ngaphandle–
a. komntu oqeshwe ngurhulumente, okanye osebenzela urhulumente, kwaye efumana umvuzo ngoko kuqeshwa okanye ngoko kumsebenzela–
i. engeyiyo iNkulumbuso nabanye aBaphathiswa bephondo;
ii. kungengabo nabanye abasezikhundleni abamisebenzi yabo ihambelanayo nemisebenzi yelungu lendlu yowiso-mthetho yephondo, kwaye ibe loo misebenzi ivakaliswe ngumthetho wepalamente wezwelonke ihambelana nemisebenzi yelungu lendlu yowiso-mthetho yephondo;
b. kwabangengawo amalungu eNdlu yoWiso-mthetho, abathunywa abasisigxina kwiBhunga lamaPhondo leZwelonke okanye amalungu eBhunga likaMasipala;
c. kwabangengabo abavakaliswe yinkundla bengakwazi ukuwahlawula amatyala abo kwaye bengekaphumi kuloo meko;
d. kongenguye ovakaliswe yinkundla yeRiphablikhi engongaphilanga engqondweni; okanye
e. kongenguye othe, emva kokuba esi siqendu siqalise ukusebenza, wafunyaniswa enetyala lokwaphul’umthetho waza wagwetywa ixesha elingaphezu kweenyanga ezili-12 entolongweni engakhethiswanga fayini, nokuba kulapha kwiRiphablikhi okanye kungaphandle kweRiphablikhi, ukuba isenzo ukuba esikukwaphul’umthetho besiya kuba kukwaphul’umthetho kwiRiphablikhi, kodwa akukho mntu onokuthathwa njengogwetyiweyo de kube kwenziwe isigqibo ngesibheno sakhe nxamnye nokufunyaniswa kwakhe enetyala okanye nxamnye nesigwebo sakhe, okanye de libe ixesha lokubhena liphelile. Ukungafaneleki okutshiwo sesi siqendu kuphela emva kweminyaka emihlanu sigqityiwe isigwebo.
2. Umntu ongafanelekiyo ukuba lilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo ngokwesiqendwana (1)(a) okanye (b) unokuzigqatsela ukuba kwindlu yowiso- mthetho, kodwa ke ngokulawulwa yimida okanye yimiqathango ebekwe ngumthetho wepalamente wezwelonke.
3. Umntu uyalahlekelwa bubulngu bendlu yowiso-mthetho yephondo ukuba–
a. uyayeka ukuba ngofanelekayo; okanye
b. uthi angabikho kwindlu yowiso-mthetho ngaphandle kwemnvume kwiimeko ethi imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho iyalele ukuba makalahlekelwe bubulungu; okanye
c. uyayeka ukuba lilungu lombutho owamchongayo ukuba abe lilungu lendlu yowiso-mthetho.

[Isiqendwana (3) sathatyathelw’indawo sisiqendu 4 soMthetho Weshumi Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003 nasisiqendu 4 soMthetho Weshumi Elinesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2008.]

4. Zithuba kwindlu yowiso-mthetho yephondo mazivalwe ngokomthetho wepalamente wezwelonke.

107. Isifungo okanye isibhambathiso
Ngaphambi kokuba amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo aqalise ukwenza imisebenzi yawo kwindlu yowiso-mthetho, makafunge okanye enze isibhambathiso sokuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokweSihlomelo 2.

108. Ubude bexesha lezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
1. Indlu yowiso-mthetho yephondo inyulelwa ixesha eliyiminyaka emihlanu.
2. Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo ithi ichithwe ngokwesiqendu 109, okanye xa kuphela ixesha layo, iNkulumbuso mayithi, ngokwenza isihlokomiso, imemelele ukuba kubekho unyulo ize ixele imihla yalo, lunyulo olo omalubekho zingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukususela kumhla eyachithwa ngawo indlu yowiso-mthetho okanye ukususela kumhla wokuphela kwexesha layo.

[Isihlokomiso esimemelela unyulo nesixela imihla yalo sinokukhutshwa ngaphambi kokuphela kwexesha lendlu yowiso-mthetho yephondo okanye emva kokuphela kwalo.]

[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 1 soMthetho Wesine Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-1999.]

3. Ukuba isiphumo sendlu yowiso-mthetho yephondo asibhengezwa lo gama kuselixesha elimiselwe ngokwesiqendu 190, okanye ukuba unyulo luthi luphuthiswe yinkundla, uMongameli makathi, ngokwenza isihlokomiso, amemelele olunye unyulo aze axele imihla yalo, lunyulo olo omalubekho zingaphelanga iintsuku ezingama-90 ukususela ekupheleni kwelo xesha okanye ukususela kumhla olwathi unyulo lwaphuthiswa ngawo.
4. Indlu yowiso-mthetho yephondo iqhubeka inako ukusebenza ukususela kwixesha echithwa ngalo okanye ukususela kwixesha lokuphelelwa kwayo, kude kube yimini eyandulela usuku lokuqala lokuvotela indlu yowiso-mthetho elandelayo.

109. Ukuchithwa kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo ngaphambi kokuphela kwexesha lazo
1. Inkulumbuso yephondo mayiyichithe indlu yowiso-mthetho yephondo ukuba–
a. indlu yowiso-mthetho yamkele isigqibo sokuyichitha ngevoti exhasayo yesininzi samalungu ayo; naxa
b. kudlule iminyaka emithathu ukususela ekunyulweni kwendlu yowiso- mthetho.
2. INkulumbuso eBambeleyo mayiyichithe indlu yowiso-mthetho yephondo ukuba–
a. kukho isithuba kwisikhundla seNkulumbuso; naxa
b. indlu yowiso-mthetho ingayinyulanga iNkulumbuso entsha kwisithuba seentsuku ezingama-30 sidalekile isithuba eso.

110. Ukuhlala kwazo namaxesha ekhefu
1. Emva konyulo, ukuhlala kokuqala kwendlu yowiso-mthetho yephondo makube ngexesha nangomhla ogqitywe yijaji echongwe yiJaji eyiNtloko, kodwa zingade ziphele iintsuku ezili-14 sibhengeziwe isiphumo sonyulo. Indlu yowiso-mthetho yephondo inokuzenzela isigqibo ngexesha nangobude lokunye ukuhlala kwayo nangamaxesha ayo ekhefu.

[Isiqendwana (1) sathatyathelw’indawo sisiqendu 8 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

2. Inkulumbuso yephondo inokuthi nangaliphi na ixesha ibize indlu yowiso-mthetho yephondo ukuba ihlale ngexesha elingelilo lokuhlala ukuze yenze imisebenzi ekhethekileyo.
Indlu yowiso-mthetho yephondo isenokwenz’isigqibo mayela nokuba iza kuhlala phi ngokuqhelekileyo.

111. OoSihlalo nooSekela-Sihlalo bezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
1. Ekuhlaleni kwayo kokuqala emva konyulo, okanye xa kuyimfuneko ukuvala isithuba, indlu yowiso-mthetho yephondo mayinyule uSihlalo noSekela-Sihlalo kumalungu ayo.
2. Ijaji echongwe yiJaji eyiNtloko mayongamele ukunyulwa kukaSihlalo. USihlalo yena wongamela ukunyulwa kukaSekela-Sihlalo.

[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 9 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

3. Inkqubo echazwe kwiCandelo A leSihlomelo 3 iyasebenza ekunyulweni kooSihlalo nooSekela-Sihlalo.
4. Indlu yowiso-mthetho yephondo inokumshenxisa esikhundleni uSihlalo wayo okanye uSekela-Sihlalo wayo ngokuthath’isigqibo. Makubekho isininzi samalungu endlu yowiso-mthetho xa kusamkelwa eso sigqibo.
5. Ngokwemigaqo yayo nemiyalelo, indlu yowiso-mthetho yephondo isenokunyula kumalungu ayo amanye amagosa okongamela ukuba ancedise uSihlalo noSekela- Sihlalo.

112. Izigqibo
1. Ngaphandle kwaxa uMgaqo-siseko utsho okwahlukileyo–
a. makubekho isininzi samalungu endlu yowiso-mthetho yephondo ngaphambi kokuba kuvotelwe uMthetho oYilwayo okanye uMthetho oYilwayo wokwenz’ utshintsho;
b. makubekho ubuncinane isinye kwisithathu samalungu ngaphambi kokuba kuvotelwe nawuphi na omnye umbandela ophambi kwendlu yowiso-mthetho yephondo; kananjalo
c. onke imibandela ephambi kwendlu yowiso-mthetho yephondo igqitywa ngesininzi seevoti.
2. Ilungu elongameleyo kwintlanganiso yendlu yowiso-mthetho yephondo alinakuthabath’inxaxheba kwiingxoxo, kodwa–
a. malivote kwivoti yokwenz’isigqibo xa iivoti zilingana macala kumbandela okhoyo; kwaye
b. linokuthabath’inxaxheba kwiingxoxo xa umbandela oxoxwayo kufuneka ugqitywe ngevoti yesibini kwisithathu ubuncinane samalungu endlu yowiso- mthetho.

113. Amalungelo abathunywa abasisigxina kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo
Abathunywa abasisigxina bephondo kwiBhunga lamaPhondo leZwelonke bavumelekile ukuba babekho, kwaye bavumelekile ukuba bathethe, kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo abo nakwiikomiti zazo, kodwa abavumelekanga ukuba bavote. Indlu yowiso-mthetho isenokufuna ukuba umthunywa osisigxina abekho kwindlu yowiso- mthetho okanye kwiikomiti zayo.

114. Amagunya ezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
1. Ekusebenziseni igunya layo lokuwis’imithetho, indlu yowiso-mthetho yephondo-
a. inokuqwalasela nawuphi na uMthetho oYilwayo ophambi kwendlu yowiso- mthetho, iwuphumeze, yenze utshintsho kuwo okanye iwukhabe, kwaye
b. inokuwuqalisa ngokwayo umthetho okanye iwulungiselele, ngaphandle kweMithetho eYilwayo yemali.
2. Indlu yowiso-mthetho yephondo mayithi gqi namacebo–
a. okuqinisekisa ukuba onke amacandelo karhulumente akwiphondo ayaphendula kuyo;
b. nawokuba liliso–
i. ekusetyenzisweni kwegunya lokulawula kwiphondo, kuquka nokwenziwa kwemithetho isebenze;
ii. nakulo naliphi na icandelo likarhulumente kwiphondo.

115. Ubungqina okanye ingcombolo phambi kwezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
1. Indlu yowiso-mthetho yephondo okanye nayiphi na ikomiti kwiikomiti zayo–
a. inokubiza nawuphi na umntu ukuba avele phambi kwayo ukuze anike ubungqina efungile okanye enze isibhambathiso sokutheth’inyaniso, okanye avelise amaxwebhu;
b. isenokufuna ukuba nawuphi na umntu okanye iziko lenze ingxelo kuyo;
c. isenokunyanzela nawuphi na umntu okanye umbutho ngokomthetho wephondo okanye ngokwemigaqo nemiyalelo, ukuba athobele umsila wengwe okanye enze okufunwayo ngokwesiqendu (a) okanye (b); kwaye
d. isenokwamkela izicelo okanye okuvela nakuwuphi na umntu ochaphazelekayo okanye imibutho echaphazelekayo.

116. Amalungiselelo angaphakathi neenkqubo zezindlu zowiso-mthetho zamaphondo
1. Indlu yowiso-mthetho yephondo-
a. inokwenza izigqibo ngamalungiselelo nangeenkqubo zayo ize izilawule; kananjalo
b. inokwenza imigaqo nemiyalelo ngemicimbi yayo, ikwenza oko ikhumbula intando yesininzi yokumelwa kwabantu nokuthabath’inxaxheba kwabo, ukuphendula, ukusebenzela elubala, nokubandakanyeka koluntu.
2. Imigaqo nemiyalelo yendlu yowiso-mthetho yephondo mayixele–
a. ukuba zisekwa njani, zakhiwe njani, iikomiti zayo, ayintoni amagunya azo, nemisebenzi yazo, neenkqubo zazo nobude bexesha lobukho bazo;
b. ukuthabath’inxaxheba kwamaqela amancinane amelweyo kwindlu yowiso-mthetho, ethabath’inxaxheba kwiinkqubo zendlu yowiso-mthetho nakwiikomiti zayo, ngendlela evisisana nentando yesininzi;
c. uncedo lwemali nololawulo kwiqela ngalinye elimelweyo kwindlu yowiso- mthetho ngokulingana nokumelwa kwalo, ukuze iqela elo nenkokeli yalo liyenze imisebenzi yalo kwindlu yowiso-mthetho ngempumelelo;
d. nokwamkelwa kwenkokeli yelona qela likhulu liphikisayo kwindlu yowiso- mthetho njengeNkokeli yeQela Eliphikisayo.

117. Ukungabi nakubekwa tyala
1. Amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo nabathunywa abasisigxina bephondo kwiBhunga lamaPhondo leZwelonke-
a. banenkululeko yokuthetha kwindlu yowiso-mthetho nakwiikomiti zayo, kodwa ke ngokulawulwa yimigaqo nayimiyalelo; kwaye
b. abanakumangalelwa ngetyala lembambano okanye lolwaphulo-mthetho, babanjwe, bavalelwe entolongweni okanye bafunw’imbuyekezo ngomonakalo odalwe–
i. yiyo nayiphi na into abayithethileyo kwindlu yowiso-mthetho okanye bayivelisa phambi kwayo okanye kwiikomiti zayo; okanye
ii. yiyo nayiphi na into ethe yatyhileka ngenxa yento abayithethileyo kwindlu yowiso-mthetho okanye bayivelisa phambi kwayo okanye kwiikomiti zayo.
2. Ezinye izinto ezingenakubekwa tyala ngazo izindlu zowiso-mthetho zamaphondo namalungu azo zinokutshiwo ngumthetho wepalamente wezwelonke.
3. Imivuzo, iimalana ezisecaleni namaqithiqithi ahlawulwa amalungu endlu yowiso- mthetho yephondo ziimali ezitsalwa ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo.

118. Ukungena koluntu kwizindlu zowiso-mthetho zamaphondo nokubandakanyeka kwalo
1. Indlu yowiso-mthetho yephondo–
a. mayenze ukuba uluntu lubandakanyeke kwiinkqubo zowiso-mthetho nakwezinye iinkqubo zendlu yowiso-mthetho nezeekomiti zazo; kwaye
b. mayiwenze umsebenzi wayo elubala, iintlanganiso zayo, nezeekomiti zayo, zibe selubala, kodwa ke kusenokuthatyathwa amanyathelo afanelekileyo–
i. okukulawula ukungena koluntu, kuquka nokungena kwamajelo eendaba, kwindlu yowiso-mthetho neekomiti zayo; nawokuba
ii. asetshwe umntu kwaye, xa kufanelekile, alelwe ukuba angene okanye akhutshwe.
2. Indlu yowiso-mthetho yephondo ayivumelekanga ukuba ilwalele uluntu, kuquka namajelo eendaba, ukungena kwintlanganiso yekomiti, ngaphandle kokuba kufanelekile kwaye kuyathetheleleka ukwenza njalo kuluntu olukhululekileyo lwentando yesininzi.

119. Ukungeniswa kweMithetho eYilwayo
NgaBaphathiswa bephondo okanye ikomiti okanye ilungu lendlu yowiso-mthetho yephondo abanokuthi bangenise uMthetho oYilwayo kwindlu yowiso-mthetho; kodwa kuphela nguMphathiswa ophathiswe imicimbi yeemali kwiphondo onokuthi angenise uMthetho oYilwayo wemali kwindlu yowiso-mthetho.

120. IMithetho eYilwayo yemali
1. UMthetho oYilwayo unguMthetho oYilwayo wemali ukuba-
a. waba imali;
b. uhlawulisa iirhafu zephondo, nezinye iintlawulo;
c. uphelisa okanye unciphisa iirhafu, okanye ukhulula abantu ekuhlawuleni iirhafu, nezinye iintlawulo;
d. ugunyaza ukutsalwa kweemali ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo.
2. UMthetho oYilwayo wemali awuvumelekanga ukuba uthethe ngeminye imicimbi ngaphandle–
a. komcimbi owela ngaphantsi kowemali nonento yokwenza nokwabiwa kwemali;
b. kokufunwa kweerhafu, ukupheliswa kwazo okanye ukuncitshiswa kwazo, nezinye iintlawulo;
c. ngokukhululwa kwabantu ekuhlawuleni iirhafu zephondo, neentlawulo ezizezinye; okanye
d. ngokugunyazwa kokutsala ngqo kwiNgxowa-mali yeNgeniso yePhondo.
3. UMthetho wephondo mawuxele inkqubo enokuthi ngayo indlu yowiso-mthetho yephondo yenz’utshintsho kuMthetho oYilwayo wemali.

[Isiqendu 120 sathatyathelw’indawo sisiqendu 3 soMthetho Wesixhenxe Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko.]

121. Ukuvunywa kweMithetho eYilwayo
1. INkulumbuso yephondo mayiwuvume ize iwutyikitye uMthetho oYilwayo ophunyezwe ngokwesi Sahluko, kungenjalo, ukuba inamathandabuzo ngokuvisisana kwawo noMgaqo-siseko, mayiwubuyisele kwindlu yowiso-mthetho ukuze uqwalaselwe ngokutsha.
2. Ukuba, emva kokuqwalaselwa kwawo ngokutsha, uMthetho oYilwayo uwaphelisa ngokupheleleyo amathandabuzo eNkulumbuso, iNkulumbuso mayiwuvume ize iwutyikitye uMthetho oYilwayo lowo; ukuba akunjalo, iNkulumbuso-
a. mayiwuvume ize iwutyikitye uMthetho oYilwayo; okanye
b. iwuthumele kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuze ithathe isigqibo ngokuvisisana kwawo noMgaqo-siseko.
3. Ukuba iNkundla yoMgaqo-siseko igqiba kwelokuba uMthetho oYilwayo lowo uyavisisana noMgaqo-siseko, iNkulumbuso mayiwuvume ize iwutyikitye.

122. Isicelo esibhekiswa ngamalungu kwiNkundla yoMgaqo-siseko
1. Amalungu endlu yowiso-mthetho yephondo asenokwenz’isicelo kwiNkundla yoMgaqo-siseko efuna umyalelo ovakalisa ukuba wonke uMthetho wephondo okanye inxalenye yawo awuvisisani noMgaqo-siseko.
2. Isicelo–
a. masixhaswe ubuncinane ngamashumi amabini ekhulwini kumalungu endlu yowiso-mthetho; kwaye
b. masenziwe zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela kumhla iNkulumbuso eyawuvuma ngawo yaza yawutyikitya uMthetho lowo.
3. INkundla yoMgaqo-siseko isenokuyalela ukuba wonke uMthetho lowo okanye inxalenye ekwenziwa isicelo ngenxa yayo ngokwesiqendwana (1) awusebenzi okanye inxalenye yawo ayisebenzi de ibe iNkundla yenze isigqibo ngesicelo eso ukuba–
a. kufuneka yenze njalo ukuze kwenzeke ubulungisa; sibe
b. nesicelo eso kukho ithemba lokuba siza kuphumelela.
4. Ukuba isicelo asiphumelelanga, kube kungekho themba kakade lokuba siza kuphumelela, iNkundla yoMgaqo-siseko isenokuyalela ukuba kube ngabenzi-sicelo abahlawula iindleko.

123. Ukupapashwa kweMithetho yephondo
UMthetho oYilwayo ovunyiweyo waza watyikitywa yiNkulumbuso uba nguMthetho wephondo; mawupapashwe msinya, kwaye uqala ukusebenza wakuba upapashiwe okanye ngomhla ogqitywe ngokoMthetho lowo.

124. Ukugcinwa kweMithetho yephondo
UMthetho oYilwayo ovunyiweyo waza watyikitywa yiNkulumbuso yephondo uba nguMthetho wephondo; mawuthi ke, emva kokuba upapashiwe, uphathiswe iNkundla yoMgaqo-siseko ukuba iwugcine.

Oorhulumente Bamaphondo

125. Igunya loburhulumente lamaphondo
1. Igunya loburhulumente lephondo likwiNkulumbuso yelo phondo.
2. INkulumbuso isebenzisa igunya loburhulumente, ikunye nabanye aBaphathiswa bephondo, ngokuthi –
a. iyenze isebenze imithetho yendlu yowiso-mthetho yephondo kwiphondo;
b. iyenze isebenze yonke imithetho yepalamente yezwelonke ewela kwimimandla yentsebenzo ekwiSihlomleo 4 okanye 5 ngaphandle kwalapho uMgaqo-siseko okanye uMthetho wePalamente utsho okwahlukileyo;
c. yenze kusebenze kwiphondo imithetho yepalamente yezwelonke ewela ngaphandle kwemimandla yentsebenzo edweliswe kwiSihlomelo 4 nesesi-5, ekusetyenziswa kwayo kwabelwe urhulumente wephondo ngokoMthetho wePalamente;
d. iyiphuhlise ize iyenze isebenze inkqubo yephondo;
e. ilungelelanise imisebenzi yamaziko amaphondo neyamasebe awo;
f. ilungiselele ize iwuqalise ngokwayo umthetho wepalamente wephondo;
g. yenze nawuphi na omnye umsebenzi owabelwe urhulumente wephondo ngokoMgaqo-siseko okanye ngokoMthetho wePalamente.
3. Iphondo linegunya loburhulumente ngokwesiqendwana (2)(b) kuphela ngokulawulwa kukukwazi kwephondo ukusebenza ngempumelelo. Urhulumente wezwelonke, ngokuwis’umthetho nangezinye iindlela, makancedise amaphondo ukuba aphuhlise ukukwazi kwawo ukuwasebenzisa ngempumelelo amagunya awo nokwenza kwawo imisebenzi ekuthethwe ngayo kwisiqendwana (2).
4. Nayiphi na imbambano engokukwazi kwephondo ukwenza nawuphi na umsebenzi mayibhekiswe kwiBhunga lamaPhondo leZwelonke ukuze isonjululwe lilo zingaphelanga iintsuku ezingama-30 ukususela kumhla wokubhekiswa kwayo kwiBhunga.
5. Ngokulawulwa sisiqendu 100, ukusetyenziswa kwemithetho yephondo kwiphondo ligunya elinokusetyenziswa ngurhulumente wephondo kuphela.
6. Urhulumente wephondo makenze ngokuvumelana–
a. noMgaqo-siseko; kwakunye
b. nomgaqo-siseko wephondo, ukuba kuphunyezwe umgaqo-siseko wephondo.

126. Ukuphathiswa kwemisebenzi
1. UMphathiswa wephondo unokuphathisa naliphi na igunya okanye umsebenzi ekuligunya emalisetyenziswe okanye ekungumsebenzi omawenziwe ngokoMthetho wephondo, ewuphathisa iBhunga likaMasipala. Ukuphathisa oko–
a. makube ngokwesivumelwano phakathi koMphathiswa wephondo lowo neBhunga likaMasipala;
b. makuvisisane noMthetho ekusekelwe kuwo igunya elisetyenziswayo okanye ekusekelwe kuwo umsebenzi owenziwayo; kwaye
c. kuqala ukusebenza kusakuhlokonyiswa yiNkulumbuso.

127. Amagunya eNkulumbuso nemisebenzi yayo
1. INkulumbuso yephondo inamagunya nemisebenzi ephathiswe umntu okweso sikhundla nguMgaqo-siseko nanguwo nawuphi na umthetho wepalamente.
2. INkulumbuso yephondo inomsebenzi–
a. wokuvuma iMithetho eYilwayo ize iyityikitye;
b. wokuphindisa emva kwindlu yowiso-mthetho yephondo uMthetho oYilwayo ukuze uqwalaselwe ngokutsha ukuba uyavisisana kusini na noMgaqo-siseko;
c. wokuthumela kwiNkundla yoMgaqo-siseko uMthetho oYilwayo ukuze yenze isigqibo ngokuvisisana kwawo noMgaqo-siseko;
d. wokubiza indlu yowiso-mthetho eyibizela ukuba ihlale ngexesha elingelilo eliqhelekileyo ukuze yenze imisebenzi ekhethekileyo;
e. wokuba imisele iikomishoni zophando;
f. nowokuthi makubekho uvavanyo-zimvo kwiphondo ngokomthetho wepalamente wezwelonke.

128. Ukunyulwa kweeNkulumbuso
1. Ekuhlaleni kwayo kokuqala emva kovoto, naxa kuyimfuneko ukuvala isithuba, indlu yowiso-mthetho yephondo mayinyule umntu olibhinqa okanye oyindoda kumalungu ayo abe yiNkulumbuso yelo phondo.
2. Ijaji echongwe yiJaji eyiNtloko mayongamele ekunyulweni kweNkulumbuso, okanye ichonge enye ijaji ukuba yenze oko. Kusebenza inkqubo ekwiCandelo A leSihlomelo 3 ekunyulweni kweNkulumbuso.

[Isiqendwana (2) sathatyathelw’indawo sisiqendu 10 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshint- sho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

3. Unyulo lokuvala isikhewu sokuba yiNkulumbuso malube ngexesha eligqitywe nangomhla ogqitywe yiJaji eyiNtloko, kodwa makungade kuphele iintsuku ezingama-30 sidalekile isithuba eso.

[Isiqendwana (3) sathatyathelw’indawo sisiqendu 10 soMthetho Wesithandathu Wokwenz’Utshint- sho KuMgaqo-siseko ka-2001.]

129. Ukungena esikhundleni kweeNkulumbuso
Umntu onyulelwe ukuba yiNkulumbuso makangene esikhundleni zingaphelanga iintsuku ezintlanu enyuliwe, ngokuthi afunge okanye enz’isibhambathiso sokuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokweSihlomelo 2.

130. Ixesha lokuba sesikhundleni nokushenxiswa kweeNkulumbuso
1. Ixesha lokuba sesikhundleni kweNkulumbuso liqala xa iNkulumbuso leyo ingena esikhundleni lize liphele kusakudaleka isithuba okanye xa umntu olandelayo onyulelwe ukuba yiNkulumbuso engena esikhundleni.
2. Akukho mntu uvumelekileyo ukuba sesikhundleni sokuba yiNkulumbuso ixesha elingaphezu kwezihlandlo ezibini, kodwa xa umntu enyulelwe ukuvala isithuba sokuba yiNkulumbuso, ithuba eliphakathi koko kunyulwa nokunyulwa okulandelayo kweNkulumbuso alithathwa njengesihlandlo.
3. Indlu yowiso-mthetho yephondo, ngesigqibo esithathwe ngevoti exhasayo ubuncinane yesibini kwisithathu samalungu ayo, inokuyishenxisa iNkulumbuso esikhundleni kuphela ngezizathu zokuba–
a. iwaphule kakhulu uMgaqo-siseko okanye umthetho;
b. yenze into embi kakhulu; okanye
c. ayikwazi ukuyenza imisebenzi yesikhundla sayo.
4. Nabani na oshenxisiweyo kwisikhundla sokuba yiNkulumbuso ngokwesiqendwana (3)(a) okanye (b) akavumelekanga ukuba afumane amaqithiqithi eso sikhundla, kwaye akavumelekanga ukuba akhonze nakusiphi na isikhundla saseburhulumenteni.

131. IiNkulumbuso ezingamaBambela
1. Xa iNkulumbuso ingekho okanye ngandlel’ithile ingakwazi ukufeza imisebenzi yeNkulumbuso, okanye xa kukho isithuba kwisikhundla seNkulumbuso, umntu onesikhundla kulandelelwano olungezantsi uthi abambele njengeNkulumbuso:
a. uMphathiswa wephondo ochongwe yiNkulumbuso;
b. uMphathiswa wephondo ochongwe ngabanye aBaphathiswa bephondo;
c. USihlalo wendlu yowiso-mthetho yephondo, de indlu yowiso-mthetho ichonge elinye ilungu kwamanye amalungu ayo.
2. INkulumbuso eliBambela ineembopheleleko, namagunya nemisebenzi yeNkulumbuso.
3. Ngaphambi kokuba ithabath’iimbopheleleko, namagunya nemisebenzi yokuba yiNkulumbuso, iNkulumbuso eliBambela mayifunge okanye yenz’isibhambathiso sokuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokuvumelana neSihlomelo 2.

132. ABaphathiswa bamaphondo
1. ABaphathiswa bephondo yiNkulumbuso, njengeNtloko yaBaphathiswa bephondo, kunye namalungu angekho ngaphantsi kwesihlanu kodwa angekho ngaphezu kweshumi amiselwe yiNkulumbuso ithatha kumalungu endlu yowiso-mthetho yephondo.
2. INkulumbuso yephondo imisela aBaphathiswa bephondo, ibabele amagunya abo nemisebenzi yabo, kwaye inokubagxotha.

133. Ukuphendula neembopheleleko
1. ABaphathiswa bephondo banembopheleleko yokwenza imisebenzi karhulumente abayabelwe yiNkulumbuso.
2. ABaphathiswa bephondo baphendula kwindlu yowiso-mthetho xa bebonke kwanomntu ngamnye ngokusebenzisa kwabo amagunya abo nangokwenza kwabo imisebenzi yabo.
3. ABaphathiswa bephondo–
a. mabenze ngokuvumelana noMgaqo-siseko, kananjalo ukuba kuphunyezwe umgaqo-siseko wephondo, benze nangokuvumelana naloo mgaqo-siseko; kwaye
b. mabanike indlu yowiso-mthetho ingxelo epheleleyo ethe rhoqo ngemicimbi ephantsi kolawulo lwabo.

134. Ukuqhubeka kwaBaphathiswa bamaphondo emva kovoto
Xa kuthi kubekho unyulo lwendlu yowiso-mthetho yephondo, aBaphathiswa bamaphondo baqhubeka benalo igunya lokusebenza de umntu onyulelwe ukuba yiNkulumbuso yindlu yowiso-mthetho elandelayo angene esikhundleni.

135. Isifungo okanye isibhambathiso
Ngaphambi kokuba aBaphathiswa bephondo baqalise ukwenza imisebenzi yabo, mabafunge okanye benz’isibhambathiso sokuthembeka kwiRiphablikhi nokuthobela uMgaqo-siseko, ngokuvumelana neSihlomelo 2.

136. Ukuziphatha kwaBaphathiswa bamaphondo
1. ABaphathiswa bamaphondo mabaziphathe ngokwemigqaliselo yokuziphatha etshiwo yimithetho yepalamente yezwelonke.
2. ABaphathiswa bephondo abavumelekanga ukuba–
a. benze nawuphi na omnye umsebenzi ohlawulelwayo;
b. benze ngendlela engavisisaniyo nesikhundla abakuso, okanye bazibeke kwimeko esenokwenza kubekho ungquzulwano phakathi kweembopheleleko zabo zaseburhulumenteni nemicimbi yabo yangasese; okanye
c. basebenzise isikhundla sabo okanye ingcombolo abayiphathisiweyo, beyisebenzisela ukuzityebisa okanye ukuzuzisa omnye umntu ngendlela engafanelekanga.

137. Ukufuduswa kwemisebenzi
1. INkulumbuso inokuthi ngokwenza isihlokomiso ifudusele komnye uMphathiswa wephondo–
a. ukusingathwa komthetho wepalamente okuphathiswe omnye uMphathiswa wephondo; okanye
b. naliphi na igunya okanye umsebenzi ophathiswe omnye uMphathiswa wephondo ngokomthetho wepalamente.

138. Ukuphathiswa imisebenzi okwexeshana
INkulumbuso yephondo inokuphathisa uMphathiswa wephondo naliphi na igunya okanye umsebenzi womnye uMphathiswa wephondo ongekhoyo emsebenzini okanye ongakwaziyo ukusebenzisa elo gunya okanye ukwenza loo msebenzi.

139. Ukungenelela kwephondo kurhulumente wasekuhlaleni
1. Xa umasipala engakwazi ukuyifeza okanye engayifezi imbopheleleko yoburhulumente engokoMgaqo-siseko okanye engokomthetho wepalamente, urhulumente wephondo waloo masipala usenokungenelela ngokuthabatha nawaphi na amanyathelo afanelekileyo ukuqinisekisa ukuba iyafezekiswa loo mbopheleleko, kuquka–
a. nokukhupha umyalelo oya kwiBhunga likaMasipala, ochaza ubungakanani bokusilela ukufezekisa iimbopheleleko zakhe, kwaye uchaze namanyatheloafunekayo ukuze kufezekiswe iimbopheleleko zakhe;
b. nokuyithathela kuye imbopheleleko kuloo masipala ngokwendlela efunekayo ukuze–
i. kuhlale kukho imilinganiselo eyimfuneko yezwelonke okanye kubekho imilinganiselo eyeyona iphantsi yokuba kwenziwe oko kufuneka kwenziwe;
ii. kuhlale kukho ubunye kuqoqosho;
iii. kuhlale kukho ukhuseleko lwezwelonke; okanye
c. nokulichitha elo Bhunga likaMasipala kuze kumiselwe umlawuli de libe iBhunga likaMasipala elinyulwe ngokutsha livakaliswe njengelimiselweyo, ukuba iimeko ezingaqhelekanga zifunisa elo nyathelo.
2. Ukuba urhulumente wephondo uyangenelela kumasipala ngokwesiqendwana (1) (b)-
a. makadlulisele isaziso esibhaliweyo sokungenelela-
i. kwilungu leKhabhinethi eliphathiswe imicimbi yoorhulumente basekuhlaleni;
ii. nakwindlu yowiso-mthetho yephondo akulo nakwiBhunga lamaPhondo leZwelonke, zingekapheli iintsuku ezili-14 luqalile ungenelelo;
b. ungenelelo maluphele ukuba-
i. ilungu leKhabhinethi elichaphazelekayo eliphathiswe imicimbi yoorhulumente basekuhlaleni lithi lingavumelani nongenelelo kwisithuba seentsuku ezingama-28 luqalile ungenelelo, okanye ukuba liyaphela elo xesha lingekatsho ukuba liyavumelana nongenelelo; okanye
ii. Bhunga lithi lingavumelani nongenelelo kwisithuba seentsuku ezili-180 luqalile ungenelelo, okanye ukuba liyaphela elo xesha lingekatsho ukuba liyavumelana nongenelelo; kananjalo
c. iBhunga malithi, ngoxa luqhubeka ungenelelo, liman’ukuluqwalasela ngokutsha rhoqo ungenelelo kwaye linokwenza naluphi na uncomelo olufanelekileyo kurhulumente wephondo.
3. Ukuba iBhunga likaMasipala lichithiwe ngokwesiqendwana (1)(c)-
a. urhulumente wephondo makathi ngoko nangoko adlulisele isaziso esibhaliweyo sokuchithwa kwalo-
i. kwilungu leKhabhinethi eliphathiswe imicimbi yoorhulumente basekuhlaleni;
ii. nakwindlu yowiso-mthetho yephondo efanelekileyo nakwiBhunga lamaPhondo leZwelonke; kwaye
b. ukuchithwa kuqala ukusebenza emva kweentsuku ezili-14 ukususela kumhla wokufunyanwa kwesaziso liBhunga ngaphandle kokuba kukhatyiwe lilungu leKhabhinethi okanye liBhunga ngaphambi kokuphela kwezo ntsuku zili-14.
4. Ukuba umasipala akakwazi ukuyifeza okanye akayifezi imbopheleleko engokoMgaqo-siseko okanye engokomthetho wepalamente yokuvuma isabelo- mali okanye naziphi na iinzame zokungenisa imali eziyimfuneko ukuze kubekho isabelo-mali, loo rhulumente wephondo makangenelele ngokuthabatha nawaphi na amanyathelo afanelekileyo okuqinisekisa ukuba isabelo-mali okanye ezo nzame zokungenis’imali ziyavunywa, kuquka nokulichitha iBhunga likaMasipala-
a. nokumisela umlawuli de iBhunga likaMasipala elinyulwe ngokutsha libe libhengezwe njengelinyuliweyo;
b. nokuvuma isabelo-mali sexeshana okanye iinzame zokungenis’imali zexeshana ukuze aqhubeke esebenza umasipala.
5. Ukuba umasipala, ngenxa yengxubakaxaka kwiimeko zakhe zemali, usilela ngokugqithisileyo okanye ngokuzingisileyo ekufezekiseni iimbopheleleko zakhe zokwenza iinkonzo ezisisiseko okanye zokufeza iimbopheleleko zakhe ezingokwemali, okanye ukuba uyavuma ukuba akakwazi ukuzifeza iimbopheleleko zakhe okanye ezemali, urhulumente wephondo ofanelekileyo-
a. makenze icebo lohlangulo elinjongo yalo ikukwenza umasipala akwazi ukuzifeza iimbopheleleko anazo zokunika iinkonzo ezisisiseko okanye ezinye iimbopheleleko ezingokwemali, nto leyo-
i. emayilungiselelwe ngokuvumelana nomthetho wepalamente wezwelonke;
ii. emnkqamangelayo umasipala ekusebenziseni kwakhe igunya lakhe lokuwis’imithetho nelokuba ngurhulumente, kodwa elisebenzisa kuphela ngokwemfuneko ekhoyo ukusombulula ingxukabaxaka kwimicimbi yakhe yemali; aze
b. alichithe iBhunga likaMasipala, ukuba umasipala akanakuzivuma okanye akazivumi iinzame zokuwis’umthetho, kuquka nesabelo-mali okanye ezinye iinzame zokungenis’imali, eziyimfuneko ukuphumelelisa icebo lohlangulo, aze-
a. amisele umlawuli de iBhunga likaMasipala elinyulwe ngokutsha libe libhengezwe njengelinyuliweyo; aze
b. avume isabelo-mali sexeshana okanye iinzame zexeshana zokungenis’ imali okanye nokuba zeziphi na ezinye iinzame eziphumelelisa icebo lohlangulo lokwenza ukuba aqhubeke esebenza umasipala; okanye
c. ukuba iBhunga likaMasipala alichithwanga ngokwesiqendu (b), alenze lisebenze icebo lohlangulo xa umasipala engakwazi ukulisebenzisa okanye engalisebenzisi icebo lohlangulo.
6. Ukuba urhulumente wephondo uyangenelela kumasipala ngokwesiqendwana (4) okanye (5), makadlulisele isaziso esibhaliweyo sokungenelela–
a. kwilungu leKhabhinethi eliphathiswe imicimbi yoorhulumente basekuhlaleni;
b. nakwindlu yowiso-mthetho yephondo efanelekileyo, nakwiBhunga lamaPhondo leZwelonke, zingaphelanga iintsuku ezisixhenxe luqalile ungenelelo.
7. Ukuba urhulumente wephondo akanako ukuwasebenzisa ngokwaneleyo okanye akawasebenzisi ngokwaneleyo amagunya okanye akanako ukuyenza ngokwaneleyo okanye akayenzi ngokwaneleyo imisebenzi ekuthethwe ngayo kwisiqendwana (4) okanye (5), urhulumente wezwelonke makangenelele ngokwesiqendwana (4) okanye (5) endaweni karhulumente wephondo ochaphazelekayo.
8. Umthetho wepalamente wezwelonke unokukulawula ukusetyenziswa kwesi siqendu, kuquka neenkqubo ezimiselwe sesi siqendu.

[Isiqendu 139 sathatyathelw’indawo sisiqendu 4 soMthetho Weshumi Elinanye Wokwenz’Utshintsho KuMgaqo-siseko ka-2003.]

140. Izigqibo ezisuka phezulu
1. Isigqibo esenziwe yiNkulumbuso masibhalwe phantsi ukuba–
a. senziwe ngokomthetho wepalamente; okanye
b. sineziphumo ezibandakany’umthetho.
2. Isigqibo esibhaliweyo esenziwe yiNkulumbuso masityikitywe nangomnye uMphathiswa wephondo ukuba eso sigqibo sichaphazela umsebenzi owabelwe loo Mphathiswa wephondo.
3. Izihlokomiso, imimiselo nokunye okuyimithethwana yephondo, malukwazi ukukufumana uluntu.
4. Umthetho wepalamente wephondo usenokuxela indlela, nokuthi kangakanani, emayithi imithethwana ekhankanywe kwisiqendwana (3) –
a. ithiwe thaca kwindlu yowiso-mthetho yephondo; ize
b. ivunywe yindlu yowiso-mthetho yephondo.

141. Izindululo zokungabathembi
1. Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, iphumeza isindululo sokungabi sabathemba aBaphathiswa bephondo, kodwa ingayiquki iNkulumbuso, iNkulumbuso mayibatshintshe aBaphathiswa.
2. Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo, ngevoti exhaswa sisininzi samalungu ayo, iphumeza isindululo sokungabi sayithemba iNkulumbuso, iNkulumbuso nabanye aBaphathiswa bephondo mabaphume ezikhundleni.

Imigaqo-siseko yamaphondo

142. Ukwamkelwa kwemigaqo-siseko yamaphondo
Indlu yowiso-mthetho yephondo inokuphumeza umgaqo-siseko wephondo okanye, kwimeko ekuyimfuneko kuyo, yenze utshintsho kuwo, ukuba ubuncinane isibini kwisithathu samalungu ayo siyawuvotela loo Mthetho uYilwayo.

143. Okuqulethwe yimigaqo-siseko yamaphondo
1. Umgaqo-siseko wephondo, okanye ukwenziwa kotshintsho kumgaqo-siseko wephondo, makungangqubani noMgaqo-siseko, kodwa usenokuthetha–
a. ngezakhiwo zendlu yowiso-mthetho yephondo okanye ngezakhiwo zorhulumente wephondo nangeenkqubo ezahlukileyo kwezo ekuthethwe ngazokwesi Sahluko; okanye
b. ngendima negunya nobume bekumkani yomthonyama, apho kufanelekileyo.
2. Okutshiwo kumgaqo-siseko wephondo okanye kutshintsho olwenziwa kumgaqo- siseko wephondo ngokwesiqendu (a) okanye (b) sesiqendwana (1)–
a. makuvumelane nokutshiwo kwisiqendu 1 nakwiSahluko 3; kwaye
b. akuvumelekanga ukuba kuthi jize kwiphondo naliphi na igunya okanye umsebenzi owela–
i. ngaphaya kwezinto ezinokwenziwa liphondo ngokweSihlomelo 4 nesesi-5; okanye
ii. ngaphaya kwamagunya nemisebenzi ethiwa jize kwiphondo zezinye iziqendu zoMgaqo-siseko.

144. Ukuvunywa kwemigaqo-siseko yamaphondo
1. Ukuba indlu yowiso-mthetho yephondo iphumeze umgaqo-siseko okanye yenza utshintsho kuwo, uSihlalo wendlu yowiso-mthetho makathumele umbhalo waloo mgaqo-siseko okanye wotshintsho lomgaqo-siseko kwiNkundla yoMgaqo-siseko ukuze uvunywe yiyo.
2. Akukho mbhalo womgaqo-siseko wephondo okanye wotshintsho lomgaqo-siseko othi ube ngumthetho de ibe iNkundla yoMgaqo-siseko ivumile ukuba–
a. umbhalo lowo uphunyezwe ngokuvumelana nesiqendu 142; nokuthi
b. uwonke umbhalo uyavumelana nesiqendu 143.

145. Ukutyikitywa, ukupapashwa nokugcinwa kwemigaqo-siseko yamaphondo
1. INkulumbuso yephondo mayiwuvume ize iwutyikitye umbhalo womgaqo-siseko wephondo okanye wotshintsho lomgaqo-siseko othe wavunywa yiNkundla yoMgaqo-siseko.
2. Umbhalo ovunyiweyo waza watyikitywa yiNkulumbuso mawupapashwe kuShicilelo-Mithetho LukaRhulumente lwezwelonke kwaye uqalisa usakupapashwa okanye ngomnye umhla ogqitywe ngokwaloo mgaqo-siseko okanye ngokolo tshintsho.
3. Umbhalo otyikityiweyo womgaqo-siseko wephondo okanye wotshintsho kumgaqo-siseko ububungqina obupheleleyo boko ukutshoyo kwaye, wakuba upapashiwe, mawuphathiswe iNkundla yoMgaqo-siseko ukuba iwugcine.

Imithetho engqubanayo

146. Ungquzulwano phakathi kwemithetho yepalamente yezwelonke neyamaphondo
1. Esi siqendu sisebenza kungquzulwano oluphakathi kwemithetho yepalamente yezwelonke nemithetho yepalamente yamaphondo ewela kummandla wentsebenzo edweliswe kwiSihlomelo 4.
2. Umthetho wepalamente wezwelonke osebenza ngokufanayo kulo lonke ilizwe kuba nguwo owongamayo phezu komthetho wephondo ukuba kuhlangatyezwana nawo omnye wale miqathango ilandelayo:
a. umthetho wepalamente wezwelonke ungomcimbi ongenakulawulwa ngempumelelo ngumthetho wepalamente owiswe liphondo ngalinye;
b. umthetho wepalamente wezwelonke ungomcimbi ofunisa, ukuze usingathwe ngempumelelo, ukuba kubekho ukufana kulo lonke ilizwe, ube ke loo mthetho wepalamente wezwelonke usenza ukuba kubekho oko kufana ngokumisela–
i. imilinganiselo;
ii. izakhiwo-mida; okanye
iii. iinkqubo zezwelonke.
c. umthetho wepalamente wezwelonke uyimfuneko ukuze–
i. kuhlale kukho ukhuseleko lwezwelonke;
ii. kuhlale kukho ubunye kuqoqosho;
iii. kukhuselwe imarike ekudlelwana ngayo ngumntu wonke ngokumayela nokuthuthwa kwempahla, iinkonzo, ubuncwane nemisebenzi;
iv. kukhuthazwe imisebenzi yoqoqosho kuwo onke amaphondo;
v. kukhuthazwe ukulingana kwamathuba okanye ukuzifumana ngokulinganayo iinkonzo zikarhulumente; okanye
vi. ukukhuselwa kokusingqongileyo.
3. Umthetho wepalamente wezwelonke kuba nguwo owongamayo phezu komthetho wepalamente wephondo ukuba umthetho wepalamente wezwelonke injongo yawo kukuthintela isenzo esingabhadlanga esenziwa liphondo–
a. esinobungozi kuqoqosho, kwimpilo, okanye kukhuseleko lwelinye iphondo okanye kukhuseleko lwelizwe liphela; okanye
b. esithintela ukwenziwa kwenkqubo yoqoqosho yezwelonke isebenze.
4. Xa kukho imbambano mayela nokuba uyimfuneko kusini na umthetho wepalamente wezwelonke ofunekela injongo echazwe kwisiqendwana (2)(c), ize loo mbambano ize phambi kwenkundla ukuze isonjululwe, inkundla mayicingele ukuvunywa okanye ukukhatywa kwaloo mthetho wepalamente liBhunga lamaPhondo leZwelonke.
5. Umthetho wepalamente wephondo kuba nguwo owongamayo phezu komthetho wepalamente wezwelonke ukuba isiqendwana (2) okanye (3) asisebenzi.
6. Umthetho owenziwe ngokoMthetho wePalamente okanye ngokoMthetho wephondo unokongama kuphela ukuba loo mthetho uvunyiwe liBhunga lamaPhondo leZwelonke.
7. Ukuba iBhunga lamaPhondo leZwelonke alifikeleli kwisigqibo kwisithuba seentsuku ezingama-30 zokuhlala kwalo kokuqala emva kokuba umthetho udluliselwe kulo, loo mthetho mawuthathwe njengovunyiweyo liBhunga.
8. Ukuba iBhunga lamaPhondo leZwelonke aliwuvumi umthetho ekuthethwe ngawo kwisiqendwana (6), malithumele izizathu zokungawuvumi kwigunya elithumele loo mthetho kwiBhunga, likwenza oko zingaphelanga iintsuku ezingama-30 lisenzile isigqibo sokungawuvumi.

147. Ezinye iintlobo zongquzulwano
1. Ukuba kukho ungquzulwano phakathi komthetho wepalamente wezwelonke nokutshiwo ngumgaqo-siseko wephondo ngokumayela–
a. nomcimbi lo Mgaqo-siseko ofuna ngokucacileyo ukuba kubekho umthetho wepalamente wezwelonke ngawo, kuba ngumthetho wepalamente wezwelonke owongamayo phezu koko kutshiwo ngumgaqo-siseko wephondo;
b. nokungenelela komthetho wepalamente wezwelonke ngokwesiqendu 44(2), kuba ngumthetho wepalamente wezwelonke owongamayo phezu kokutshiwo ngumgaqo-siseko wephondo; okanye
c. nomcimbi owela kummandla wentsebenzo odweliswe kwiSihlomelo 4, kusebenza isiqendu 146 ngokungathi okuchaphazelekileyo okutshiwo ngumgaqo-siseko wephondo kungumthetho wepalamente wephondo okuthethwe ngako kweso siqendu.
2. Umthetho wepalamente wezwelonke ekuthethwe ngawo kwisiqendu 44(2) kuba nguwo owongamayo phezu komthetho wepalamente wephondo mayela nemicimbi ewela kwimimandla yentsebenzo edweliswe kwiSihlomelo 5.

148. Iintlobo zongquzulwano ezingenakusonjululwa
Ukuba imbambano engongquzulwano ayinakusonjululwa yinkundla, kuba ngumthetho wepalamente wezwelonke owongamayo phezu komthetho wepalamente wephondo okanye phezu komgaqo-siseko wephondo.

149. Ubume bomthetho wepalamente ongongamiyo
Isigqibo senkundla esithi kongama umthetho wepalamente othile phezu komnye umthetho wepalamente asiwenzi ube ngophuthileyo loo mthetho wepalamente ongomnye, kodwa uba ngongasebenziyo okwelo xesha kusekho ungquzulwano.

150. Ukuchazwa kwentsingiselo yongquzulwano
Xa iqwalasela okubonakala ngathi lungquzulwano phakathi komthetho wepalamente wezwelonke nowephondo, okanye phakathi komthetho wepalamente wezwelonke nomgaqo-siseko wephondo, zonke iinkundla mazikhethe indlela ebhadlileyo yokuchaz’ intsingiselo yawo eluphephayo ungquzulwano, kunokukhetha indlela yokuchaz’ intsingiselo yawo edal’ungquzulwano.