UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika/Isahluko 1

From Wikisource
Jump to navigation Jump to search
UMgaqo-siseko weRiphablikhi yoMzantsi-Afrika  (1996) 
Isahluko 1: Iziseko

1. IRiphablikhi yoMzantsi-Afrika
1. IRiphablikhi yoMzantsi-Afrika ililizwe elinye, elizimeleyo, lentando yesininzi elisekelwe koku kulandelayo:
a. sokuba ngumntu, ukufikelela ekulinganeni kwabantu bonke nokukhuthazwa kwamalungelo oluntu neenkululeko omalube nazo;
b. ukungacaluli ngokobuhlanga nangokobuni;
c. ukongama koMgaqo-siseko nokulawula komthetho;
d. ilungelo lokuvota kwabo bonke abantu abadala, umqulu wabavoti omnye wezwelonke, unyulo olubakho rhoqo nenkqubo yamaqela amaninzi opolitiko yorhulumente wesininzi, ukuqinisekisa uxanduva lokuphendula, ukusabela nokusebenzela elubala.

2. Ukongama koMgaqo-siseko
Lo Mgaqo-siseko ungumthetho owongamileyo weRiphablikhi; umthetho okanye ukwenza okungavisisaniyo nawo kuphuthile kwaye iimbopheleleko ezifunwa nguwo mazifezekiswe.

3. Ubumi
1. Wonke umntu waseMzantsi-Afrika ungummi.
2. Bonke abemi–
a. banamalungelo ngokulinganayo okuxhamla kumalungelo, kwiinyhweba neenzuzo zokuba ngummi; kwaye
b. banoxanduva ngokulinganayo lokufeza iimbopheleleko noxanduva lokuba ngummi.
3. Imithetho yepalamente yezwelonke mayithethe ngokuzuzwa kobumi, ngokulahlekelwa bubo nangokubuyiselwa kwabo.

4. Umhobe Wesizwe
NguMongameli owenza isigqibo ngomhobe wesizwe weRiphablikhi ngokwenza isihlokomiso.

5. Iflegi yelizwe
Iflegi yelizwe yeRiphablikhi ingumbala omnyama, nagolide, naluhlaza, namhlophe, nabomvu, naluhlaza okwesibhakabhaka, njengoko ichazwe kwaye yazotywa kwiSihlomelo 1.

6. Iilwimi
1. Iilwimi zaseburhulumenteni zeRiphablikhi siSepedi, neSesotho, neSetswana, neSiswati, nesiVenda, nesiTsonga, nesiBhulu, nesiNgesi, nesiNdebele, nesiXhosa, nesiZulu.
2. Ngokuqonda imeko yeelwimi zomthonyama zabantu bakowethu nembali yazo yokuncitshiswa kokusetyenziswa kwazo, urhulumente makathabathe amanyathelo asebenzisekayo naqinisekileyo okuphakamisa umgangatho wezi lwimi aze akhuthaze ukusetyenziswa kwazo.
3. a. Urhulumente wezwelonke noorhulumente bamaphondo banokusebenzisa naziphi na iilwimi zaseburhulumenteni, bezisebenzisela imisebenzi yoburhulumente, becingela ukusetyenziswa kwazo, ukusebenziseka kwazo, indleko yokuzisebenzisa, iimeko zengingqi neemfuno zoluntu noko kukhethwa luluntu lulonke okanye kwiphondo elo; kodwa yena urhulumente wezwelonke kunye norhulumente ngamnye wephondo makasebenzise ubuncinane iilwimi ezimbini zaseburhulumenteni.
b. Oomasipala mabacingele ukusetyenziswa kweelwimi ngabahlali kunye noko kukhethwa ngabo.
4. Urhulumente wezwelonke noorhulumente bamaphondo mabathi, ngokuwis’ imithetho nangezinye iindlela, bakulawule kwaye bakubek’esweni ukusetyenziswa kweelwimi zabo zaseburhulumenteni. Kungekuko ukuba kuyaphambukwa koko kutshiwo kwisiqendwana (2), zonke iilwimi zaseburhulumenteni mazixatyiswe ngokulinganayo kwaye maziphathwe ngokungakhwinisiyo.
5. IBhodi Yeelwimi YaseMzantsi-Afrika esekwe ngumthetho wepalamente wezwelonke–
a. mayikhuthaze, kwaye idale iimeko, zokuphuhliswa nokusetyenziswa–
i. kwazo zonke iilwimi zaseburhulumenteni;
ii. kulwimi lwamaKhoi, nolwamaNama nolwamaSan; kunye
iii. nolwimi lwezandla; kananjalo
b. ikhuthaze ize iqinisekise ukuhlonelwa–
i. kwazo zonke iilwimi ezisetyenziswa ngokuqhelekileyo ngabantu ngabantu eMzantsi-Afrika, kuquka nesiJamani, nesiGrike, nesiGujarati, nesiHindi, nesiPhuthukezi, nesiTamil, nesiTelegu nesiUrdu; kunye
ii. nesiArabhu, nesiHebhere, nesiSanskrit kunye nezinye iilwimi ezisetyenziselwa ukunqula eMzantsi-Afrika.